ISouthern Kings iza kusingathwa yiSA Rugby!

Southern Kings.

Kuphihliphihli
embhoxweni waseMpuma Koloni. ISouthern Kings, edlala kwiPRO 14 nethe gabhu
kwiingxaki zemali nolawulo oluhexayo, iza kusingathwa yiSouth African Rugby
(SARU) egqibe kwelokuba izithathele kuyo iintambo zolawulo. Emva kokunqumama
kwemidlalo ngenxa yekhorona, iKings iye yasezindabeni ngenxa yokungakwazi
ukubhatala abadlali nabasebenzi. Loo ngxaki yasonjululwa lungenelelo lweNelson
Mandela Bay Metro eyakhupha izigidi ezithandathu zerandi (R6-m). Elo linge
lawenza umahluko – kodwa kuyabonakala okokuba zange likwazanga ukuba sisisombululo
sexesha elide ngoba umbutho wabadlali uye wambomba ngelithi lisekhona ixhala
lokungabhatalwa kwabadlali kwezinye iinyanga. Ezivakeleyo kule veki iindaba zithi
iSARU ithathele kuyo ulawulo lweKings ephantsi kwequmrhu elizimeleyo ekuthiwa
yiGreatest Rugby Company in the Whole While World (GRC) ekhokelwa nguMnu.
Loyiso Dotwana. Ekuthengeni kwalo izabelo zeKings kunyaka ophelileyo, kwakukho
ithemba lokuguquka kwezinto, ngakumbi kwicala lolawulo. Ngelishwa, khange
kubekho mahluko kwiKings etsala nzima kwiPRO 14.

Ngokwenene iSaru iluqinisekisile
ungenelelo lwayo kwiKings emva kokungakwazi kweGRC ukubhatala iimali
ezaziyinxalenye yesivumelwano mhla yayithenga izabelo (74%) kwiSouthern Kings.
Abadlali, abasebenzi nabaxhasi-ngezimali bazisiwe ngesigqibo esithathiweyo
yiSARU. “Besingafuni ukuyithathela kuthi iKings. Ibe yinto yokugqibela kwaye
sikulungele ukuyinika abanye abantu abanokusebenzisana ne-Eastern Cape Rugby
Union (EPRU) enezabelo ezimbalwa. Siza kutyumba abantu
abaza kulawula iqela ukuze lilungele ukudlala xa kufika ixesha lemidlalo,”
utshilo uMark Alexander othe umbutho olawula umbhoxo uye wangenelela kwakucaca
okokuba iGRC ayikwazi ukufezekisa izithembisa zayo. “Siluthathele kuthi ulawula
emva kokubanika ithuba abalawuli beGRC. Sawuthanda umbono wabo – kodwa ingxaki
sikwishishini elingenalo uxolo,” utshilo u-Alexander. Kulindeleke imidlalo
yePRO 14, edlala kuyo iSouthern Kings, idlalwe kwakhona kwinyanga engaphaya
kwezayo okokuqala ukusukela oko yanqunyanyiswa ngenxa yekhorona.