iSpain siyibeke izandla iCosta Rica yaphathwa ngumbathalala

UFerran Torres weSpain esivuthulule iCosta Rica emdlalweni weFIFA World Cup namhlanje eAl Thumama Stadium. Umfanekiso: EPA/Abir Sultan

Sihleli phezulu iSpain kuGroup E emva kokuphumelela umdlalo wokuqala eQatar ngendlela encumisayo. ISpain siyibeke izandla iCosta Rica ebinombathalala saphumelela ngamagowuli asixhenxe onke eqandeni (7-0) emdlalweni wetumente yehlabathi obubanjelwe eAl Thumama Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Ngokufaka imvula yamagowuli asixhenxe, iSpain senze imbali entsha kwitumente yehlabathi ngoba alikho elinye iqela elakhe lafaka amagowuli asixhenxe emdlalweni omnye. Umqeqeshi weSpain uqale umdlalo wanamhlanje ngamatyendyana wabadlali abatsha abaquka uGavi, uPedri noLa Roja.

Phantse wonke umntu ebelindele umdlalo osezingeni eliphezulu – kodwa akukho namnye obesazi ukuba iSpain singuphumelela ngesixhenxe samagowuli. Emva kokufundana emizuzwini elishumi, izinto ziye zonakala ngethuba uDani Omlo ebeka ibhola emnatheni ayidlalelwe kakuhle nguGavi. Emva kwethutyana uMarco Asensio ufake igowuli lesibini leSpain. Ufumene ibhola entle ayidlalelwe nguJordi Alba. UFerran Terres ufake igowuli lesithathu ngepenela emva kokudlaliswa kakubi kukaJordi Alba. Kuthe kwakubonakala ukuba kunzima kakhulu, umqeqeshi weCosta Rica uye wafaka uKendall Waston kwisigaba sokuqala. Kuyiwe kwixesha lokuphuma iSpain sele iyibambe ngeempondo impumelelo yokuqala eQatar.

Khange kube kudala kwisigaba sesibini, iSpain songezele elinye igowuli lesine elifakwe nguTorres emva kwempazamo eyenziwe nguBryan Oviedo. ULa Roja ufake igowuli lesihlanu emva kokudlalelwa ibhola nguGavi. Noxa bekubonakala ukuba iCosta Rica ayinanto enokuyenza engcono, iSpain khange siyeke ukuyohlwaya. UCarlos Soler, ongene njengelalela, ufake elakhe igowuli ethatha ibhola elahlwe nguKeylor Navas emva. Isikhonkwane sokugqibela sibethelelwe ngu-Alvaro Morata. Ngoku iSpain silandelwa yiJapan eyothuse umzi ngokubetha iGermany ngamagowuli amabini kwelinye nangona ibiqale yahamba phambili kwisigaba sokuqala somdlalo.