Kwiveki ezayo ngomhla weshumi elinesine, imidlalo yokuxabangela yeABC Motsepe League (PlayOffs) iyaqala kwidolophi yasePotchefstroom. Loo midlalo iza kudlalwa ngamaqela ebhola ekhatywayo abambe iindawo zokuqala kwiMotsepe League emaphondweni olithoba oMzantsi Afrika Afrika. Amaqela aza kube esilwela ukunyukela kwiGladAfrica Championship engasentla nephantsi kwiPremier Soccer League. IMpuma Koloni iza kube imelwe liqela laseBizana ekuthiwa yiSpear of the Nation emva kokugqugqisa kwayo kwisizini egqithileyo. Kulindeleke ukuba iSpear of the Nation idibane neqela laseLimpopo ngentsimbi yeshumi elinambini eminimaqanda ngoLwesithathu weveki ezayo.
Umdlalo wayo wesibini iza kudibana neNorthern Cape ngentsimbi yethoba yethoba kusasa ngoLwesine. Iza kulwela ukuya kwiGladAfrica nayo emva kweBizana Pondo Chiefs eyoyisaka kwisizini yayo yokuqala ngo-2020/21. Imidlalo yalo unyaka iqulethe amaqithiqithi ancumisayo ngaphezulu kuneminye iminyaka. Njengokuba iqela eliphumeleleyo ligoduka nesigidi serandi (R1-million) elikwindawo yesibini liza kufumana amakhulu amathandathu amawaka erandi (R600 000) – kodwa okuncumisayo kulo unyaka sisigqibo esenziwe nguSAFA othe abadlali abaza kudlala iimidlalo yetumente yeCAF ekuthiwa yiCHAN baza kuchongwa kumaqela adlala kwiMotsepe League.
Lo nto iza kubakhuthaza kakhulu abadlali abancwase nokubonwa ngamaqela adlala kwiDStv Premiership. Ngokutsho kwengqonyela yeSAFA, uMnu. Tebogo Motlanthe, imidlalo yeCHAN iza kudlalwa ekuqaleni konyaka ozayo e-Algeria. “Siyavuyisana nawo onke amaqela aza kuthatha inxaxheba emidlalweni yokuxabangela (PlayOffs). Okusivuyisayo kukubonakala komsebenzi owenziwa emaphondweni. Sisebenzisana kakuhle neMotsepe Foundation esibambisene nayo kuphuhliso lwebhola ekhatywayo,” utshilo uGqirha Danny Jordaan. Yonke imidlalo iza kudlalelwa e-Olen Park Stadium, eMntla Ntshona.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!