ISpringbok silungiselela ukudibana neNew Zealand enesingqala eGoli

Abalandeli bombhoxo kwihlabathi baza kubona umdlalo abangazange bawubona xa kudibana oomakadezondana, uMzantsi Afrika neNew Zealand, emdlalweni weRugby Championship oza kube use-Emirates Airline Part Stadium kwiveki ezayo ngoMgqibelo. Owesibini umdlalo uza useDHL Stadium ngomhla wesixhenxe kwinyanga ezayo.

Umdlalo weveki ezayo wahlukile kweminye ngoba kukho into efuna ukuyilungisa iNew Zealand eyenzeka kwitumente yehlabathi eFrance ngo2023. URassie Erasmus ugqibe kwelokuba ongeze abadlali abathathu ngaphezulu kwanabo enkampini yakhe. Abo badlali nguSteven Kitshoff, uJaden Hendrikse noCanan Moodies abahlelwa lilishwa lokonzakala emva kwentumente yehlabathi yombhoxo kunyaka ophelileyo eFrance.

Amabhokobhoko abuyele ekhaya ukuzithemba kufunqukile emva kokubetha iAustralia emidlalweni emibini ebibanjelwe eBrisbane nasePerth. Ngoku ajongene neloqela elilushica embhoxweni wehlabathi lonke. Nakubeni iNew Zealand ibike yabethwa yiArgentina kutshanje – kodwa ibuye ngomsindo omkhulu yawuphumelela umdlalweni obukwiveki ephelileyo. “Sidiba neNew Zealand ekwindawo yesithathu kwihlabathi. Isoloko isisokolisa xa sidibene nayo,” utshilo uRassie.

“Sazi kakuhle ukuba imidlalo esijongene nayo ngoku yahluke kakhulu kwesisuka kuyo ngoba iAustralia yakhiwa ngokutsha futhi inabadlali nomqeqeshi omtsha. Sivuyela ukufika kwabadlali abaqhube kakuhle ngaphambili. “Esikuvuyelayo kukuba siza kubona abadlali bethu abasakhulayo bedlala kwakhona phantsi kweliso labaqeqeshi. Sidibana nelona qela eliyongozi futhi elinomkhwa wokudlala kakhulu xa lidibene nathi.

“Kuhle ngoba sidibana nalo ekhaya phambi kwabalandeli bethu nangona nalo linabalandeli abaninzi eKapa. Siphezulu kwiCastle Lager Rugby Championship – kodwa ukugqwidiza kwethu kungatshintsha yonke into. Kubalulekile ukudlalela ukuphumelela indebe esayigqibela ngo2019,” utshilo uRassie.