ISpringbok sincwase ukuyiphinda iArgentina emdlalweni osekhaya

AmaBhokobhoko edlala neArgentinna. Umfanekiso: Facebook

Iqela lesizwe lombhoxo loMzantsi Afrika lisenomsebenzi onzima kakhulu kwiCastle Lager Rugby Championship nakubeni lizuze impumelelo encumisayo kwiveki egqithileyo. AmaBhokobhoko abethe iArgentina ngo’35-20 emdlalweni obunzima kwibala ekuthiwa yiEstadio Libetadores Stadium. IiBhokhwe zoMzantsi Afrika ziye kwixesha lokuphumla ziphala phambili ngo’22-6 emva kokusidlala kakuhle isiqingatha sokuqala somdlalo. Ziye zajika izinto kodwa kwisigaba sesibini emva kokuba iPumas ikwazile ukongeza ishumi elinane lonke lamanqaku. Kuye kwanyanzeleka iSpringbok siphakule kuvimba wamava ukuze sikwazi ukuzuza impumelelo ebinyanzelekile.

UJacques Nienaber ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva kokwenza umsebenzi oncomekayo emdlalweni ogqithileyo. Lo ibingumdlalo wamagqibelakankqoyi kuthi,” utshilo uNienaber, oye wavuma ukuba amaqela ebenamandla omabini. “Amaqela ebehlulelene ngomdlalo. Kwisigaba sokuqala somdlalo, sidlale kakuhle kakhulu. Ilwile nayo iArgentina yafumana amapenela. Ndibothulela umnqwazi kodwa abadlali bethu ngokungenzi izinto ngokuxhamazela kwade kwaphela umdlalo,” utshilo uNienaber emva komdlalo. Naye uKapteni weSpringbok, uSiya Kolisi, uzingombe isifuba ngomsebenzi owenziwe ngoogxa bakhe watsho esithi kuzaw’dlana iintsimbi emdlalweni olandelayo.

AmaBhokobhoko aza kudibana neArgentina emdlalweni wesibini weRugby Championship oza kube useHollywoodbets Kings Park Stadium ngentsimbi yesihlanu ngoMgqibelo. “Isiqalo sethu besisihle – kodwa iye yabuya ngamandla iArgentina. Ukuya kwethu sizixelele ukuba sifuna impumelelo kusincedile kakhulu. Sifuna ukuyiphumelela indebe yeRugby Championship. Umqeqeshi wethi usithembile, nathi sizithembile singabadlali. Sizimisele ukunza umsebenzi othe chatha emdlalweni oseThekwini ekuthiwa ithengise amatikiti aphela,” utshilo uKolisi. Abambene AmaBhokobhoko neNew Zealand eza kudibana neAustralia ngoMgqibelo.