iSpringbok Women esiqhwalelayo sidibana neNgilane emdlalweni wetumente yehlabathi

Unam Tose emdlalweni wetumente yehlabathi obuphakathi kweSpringbok Women neFiji. Umfanekiso: Andrew Cornaga/Photosport/BackpagePix

Anciphe ngakumbi amathemba eSpringbok Women okuphumelela emva kokuphulukana nomnye umdlalo ngempelaveki egqithileyo. UMzantsi Afrika ugutyungelwe yiFiji ephumelele ngo’21-17 emizuzwini yokugqibela emdlalweni weNdebe yeHlabathi obudlalelwa eWaitakere Stadium, eAukland, eNew Zealand. Amanenekazi aye kwiFiji eyazi ukuba iyingozi – kodwa ebenethemba lokuzuza impumelelo ngoba adlale kakuhle emdlalwen wokuqala noxa abethwayo nje yiFrance ngo’40-5. Umdlalo obuphakathi koMzantsi Afrika neFiji ububambene nakwisigaba sesibini. Izinto ziye zohluka kancinci emva kokuba uJanse van Rensburg efumene ipenela enike iSpringbok Women ithemba lokuphumelela umdlalo okokuqala kwitumente yehlabathi.

Kodwa izinto ziye zonakala emva kokuba iFiji ifumene amanqaku yaqabela ngaphezulu koMzantsi Afrika oza kudibana neNingale emdlalweni olandelayo uqhwalela. “Kubuhlungu kuthi ngoba besifuna ukuyibetha iFiji. Kodwa ke ndifuna ukuyiqhwabela izandla (iFiji) elele emgceni ngomzuzu wokugqibela,” utshilo uRaubenheimer. “Ukuphumelela umdlalo kwitumente yehlabathi uqala ukuya kuyo yinto enkulu. Ndiyavuyisana nabo. Ngaphandle kwamathandabuzo, thina siphoxekile – kodwa akufuneki sigxile kakhulu kulo nto. Amathuba besinawo – kodwa ke siye sohlwaya ngenxa yokuqinisekisi ukuba siyawuphumelela umdlalo. Siyivumele iFiji emdlalweni yenza unothanda. Indlela izinto ezenzeke ngayo, ayisiyiyo into esize siyicinga apha,” utshilo uRaubenheimer emva komdlalo.

Noxa kuza kunyukwa iqhina siSpringbok Women xa sidibana neNgilane ngeCawe – kodwa yena uRaubenheimer uthi abazu kuncuma futhi baza kulwela ukuphumelela emdlalweni olandelayo. “Siza kuvavanywa ngoogqirha emva koko siphindele edabini. Umdlalo ophakathi kwethu neNgilane mkhulu kakhulu. Silapha ngoba besifuna ukuziva amandla kumaqela amakhulu nangoompondozihlanjiwe embhoxweni wehlabathi. Sinomqobo osimeleyo phambi kwethu. Ngabaqeqeshi abaza kuthatha isigqibo ngendlela ekuza kudlalwa ngayo. Asikaphumi kolu khuphiswano nangona siphoxwe ziziphumo zomdlalo ogqithileyo,” uvale ngaloo mazwi uRaubenheimer. Naye uKapteni weqela, uNolusindiso Booi, waleke ngelithi kunzima ukwamkela indlela ababethwe ngayo yiFiji.