ISpringboks ziya kuvavanyo ngaphandle koJantjies

Umdlali okhabayo weSpringboks * -Elton Jantjies ujongene nomceli mngeni wokulwa nexesha ukuze alungele ukudlala kuluhlu lemidlalo phakathi koMzantsi Afrika ne-Ireland kule nyanga izayo.

Oku kulandela emva kokuba kubonakele ngathi uJanjties uzakwenziwa utyando esandleni kule veki ngenxa yomenzakalo.

UJantjies oko ebedlala umbhoxo onomtsalane kwiSuper Rugby, kwaye ebebonakala ngathi nguye umdlali ozakunxiba isikipa esinenombolo yeshumi, kwigqiza labadlali bomqeqeshi omtsha weSpringboks * -Allister Coetzee.

Le midlalo phakathi kweeBoks ne-Ireland izakuqala ngomhla weshumi alinanye kwinyanga ezayo eKapa.

IiLions zikhuphe ingxelo ngoMvulo nalapho bezichaza ukuba uJantjies uzakwenziwa utyando, kwaye kulindeleke ukuba angadlali iiveki ezine.

Kulindeke ukuba uCoetzee afake abadlali abamnyama abaliqela xa etyumba ukukhawulelana, neemfuno zikarhulumente weenguqu kwezemidlalo.

UJantjies ebefanele ukufumana indawo naye kwiSpringboks, udlale indima enkulu ekunyuseni iiLions ukuba zihlale phezulu kwinkomfa yamaqela alapha eMzantsi Afrika kwiSuper Rugby.

Ngenxa yomenzakalo wakhe uJantjies kungenzeka ukuba aphoswe ngumdlalo wokuqala wovavanyo weSpringboks, kodwa angakwazi ukubuya adlale kwimidlalo ezakudlalelwa eRhawutini ngomhla weshumi elinesibhozo kweyeSilimela.

Nakulo umdlalo useBhayi ngomhla wamashumi amabini anesihlanu angakwazi ukudlala ukuba ukwazile ukuphila kwangethuba.

Ikapteni yeeSharks uPat Lambie nayo esandula ukubuya ekwenzakaleni, ingakwazi ukubamba indawo kaJantjies mhlawumbi kwimidlalo yokuqala emibini.

Kulindeleke ukuba uCoetzee abhengeze abadlali azakubasebenzisa kwezi veki zimbalwa zizayo.