iStellenbosch FC ingcwabe iSwallows emdlalweni weNedbank Cup!

UTlakusani Mthethwa weSwallows FC noJunior Leandro Mendieta weStellenbosch FC emdlalweni weNedbank Cup obuse-Athlone Stadium, eKapa, namhlanje. Umfanekiso: ©Ryan Wilkisky/BackpagePix

Idlulele phambili iStellenbosch FC kwiNedbank Cup emva kokuba ingcwabe iSwallows ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obumhle eAthlone Stadium emalanga namhlanje. Le yimpumelelo yokuqala ezuzwe liqela laseNtshona Koloni emva kokuba lilahlekelwe ngumdlali walo, u-Oshwin Andries, obhubhe kwiveki ephelileyo emva kokuhlatywa ngemesi endaweni yentselo. Amakhwenkwe kaSteve Barker anike igcuntswana labalandeli abe bezimase umdlalo wanamhlanje umdlalo omhle kakhulu futhi onamagowuli amahle.

Ibhalise ebhodini kwangoko kwisigaba sokuqala iStellenbosch ngebhola efakwe nguVusi Sibiya. Emva koko, ifolosi efikayo ekuthiwa ngu-Iqraam Rayners, ifake elesibini igowuli satsho iStellies sahamba phambili ngamagowuli amabini. URayners usibuyekeze ngokuhle iStellenbosch emva kokuba simthathe kwiSuperSport United abengonwabanga kuyo ngenxa yokungadlaliswa ngendlela afuna ngayo.

Kwelinye icala, iSwallows ayikwazanga ukuwasebenzisa amathuba ezamileyo ukuwadala. Kanti kwisigaba sesibini, uRayners ufake igowuli lakhe lesibini elishiye uSanele Tshabalala ethe natya phantsi kweepali zakhe. Eso ibe sisikhonkwane sokugqibela ekungcwatywe ngaso iSwallows esazama ukuqingqa phantsi kuka-Ernst Middendorp emva kokungayiqali ngendlela encumisayo isizini yeDStv Premiership eqhubekayo.

Kweminye imidlalo yanamhlanje: iGolden Arrows izibethele iPretoria Callies ngamagowuli amabini kwelinye. Le yimpumelelo eza kufunqula ukuzithemba kuBafana Bes’thende abatsala nzima emidlalweni yeDStv Premiership. Yona iVenda Football Academy ibethe iBlackCross ngamagowuli amabini kwelinye. Kanti yona iMpheni Home Defenders ivuthulule iClarewood ngemvula yamagowuli amathathu eqandeni. Izolo iKaizer Chiefs ibethe iMaritzburg United ngamagowuli amabini eqandeni. Yaze yona iCape Town Spurs yabetha iBaroka FC ngamagowuli amathathu eqandeni.