IStellenbosch idibana neSundowns eyingxaki emva kokubethwa kabini

Abadlali beStellenbosch FC bevuyela igowuli emdlalweni weDStv Premiership. Umfanekiso: Carl Fourie/BackpagePix

Iqela likaSteve Barker liyiqale kakuhle kakhulu isizini eqhubekayo. Ngokungafaniyo nakwisizini egqithileyo, iStellenbosch idlale imidlalo elishumi elinanye yonke singaphulukananga namdlalo. Ukuqhuba kakuhle kwayo iStellenbosch kuyinyuse yayokuthi ngcu kwindawo yesibini emva kweMamelodi Sundowns phambi kokubethwa emidlalweni emibini. Izinto ziqale ukujika ngethuba iqela likaBarker libethwa yiPirates ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weDStv. Emva koko yaphinda yabethwa yiRoyal AM eyoyikwa kakhulu ngamaqela adlala kwiDStv Premiership ngenxa yokuqhuba kakuhle kwayo kwisizini yokuqala kaMamkhize njengomphathi weqela elidlala kwinqanaba eliphezulu ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Noxa ibethiwe iStellenbosch FC emidlalweni emibini – kodwa isahleli kwindawo yesine kwaye uBarker uthi ukubethwa kweqela lakhe ekulenzi lijongeke kakubi emva kokwenza umsebenzi omhle emidlalweni elishumi elinanye. “Asikwazi ukuba liqela elibi konke konke emva kokwenza umsebenzi omhle kwishumi elinanye lonke lemidlalo esiyidlalileyo phambi kokubethwa emidlalweni emibini,” utshilo uBarker, owonelisekileyo ngumsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe noxa begqwidizile ngethuba bedlala neRoyal AM kutshanje.

“Sidlale umdlalo obhetele ngethuba sidlala nePirates. Ndiphoxiwe ziziphumo zamdlalo obuphakathi kwethu neRoyal AM – kodwa ndonelisekile zizinto ezithile emdlalweni wethu. Akululanga – kodwa kuhle ngoba siza kufumana ithuba lokukhokha umoya phambi kokudibana neSundowns emdlalweni olandelayo. Iqela laseStellenbosch lindwendwelwa yiDowns emdlalweni weDStv Premiership oza kudlalelwa eDanie Craven Stadium ebusuku ngoMgqibelo. Amakhwenkwe kaBarker aza kulwela ukubuyisa isidima sawo – kodwa ngeke kubelula ukuphumelela ngoba iSundowns ifuna ukubethelela indawo yayo phezulu kwiDStv Premiership. “Kufuneka ifike iSundowns sikulungele ukudibana nayo,” ulebele ngaloo mazwi uBarker.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Mgqibelo: Chippa United vs Golden Arrows @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:30; AmaZulu vs Royal AM @Moses Mabhida Stadium, 15:30; Swallows vs Maritzburg United @Dobsonville Stadium, 15:30; Kaizer Chiefs vs Cape Town City @FNB Stadium, 18:00; Stellenbosch vs Mamelodi Sundowns @Danie Craven Stadium, 20:15

Cawe: SuperSport United vs Sekhukhune United @Lucas Moripe Stadium, 15:30