IStellenbosch ivuthulule iTS Galaxy emdlalweni weNedbank Cup

Iqraam Rayners ofake igowuli leStellenbosch FC ebethe iTS Galaxy emdlalweni weNedbank Cup obuseMbombela Stadium namhlanje. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ugoduka encumile uSteve Barker emva kokuba iqela lakhe lidlulele kwisigaba esilandelayo seNedbank Cup namhlanje emalanga. Oku kulandela emva kokuba iStellenbosch FC ivuthulule iTS Galaxy ngemvula yamagowuli amathandathu kwamathathu emdlalweni obubukelwe libathwana labalandeli eMbombela Stadium. Liyitshaye isaqhuma iqela laseNtshona Koloni ngokubhakuzelisa umnatha kwangoko kwisigaba sokuqala somdlalo. UDevon Titus ufake igowuli lokuqala lomdlalo ngebhola ayive ngokubaliselwa uVasilije Kolak ezipalini zakhe. Ziye zongezeka ingxaki zeTS Galaxy emva kokuba konzakele uTshegofatso Nyama othathelwe indawo yakhe nguEbrahim Seedat.

Bazamile ukulwa abadlali beTS Galaxy abe bewulawula umdlalo baye bavuzwa xa kuphela isigaba sokuqala ngegowuli elifakwe nguMedina Rodrigues ngepenela. Kwixesha elongezwe ngusompempe, u’Iqraam Rayners ufake igowuli lesibini leTS Galaxy. Babuye benomsindo abadlali beStellenbosch ekhefini. Emzuzwini wamashumi amahlanu anesixhenxe, uAndre De Jong ufake igowuli elihle emva kokubetha amadoda oyiswe kukuchitha ibhola ethe gqi ekunene ngaphakathi emhlabeni kanozinti. Kudlule imizuzu yamihlanu, uJunior Mendieta ufake igowuli lesine ekude ngebhola ebirhuqa phantsi ngesantya esiphezulu.

UMasilakhe Phohlongo ufake igowuli lesibini leTS Galaxy sekuncamekile. Ufumene igowuli lesithathu uKamogelo Sebelebele emzuzwini wamashumi alithoba anesibini omdlalo. Khange kuphelele apho, u-Ibraheem Jabaar ubethelele isikhonkwane sokugqibela ekungcwatywe ngaso iTS Galaxy namhlanje. Ibethwe kanjalo iGalaxy ngo’6-3 emdlalweni weNedbank Cup. UBaker ulincomile iqela lakhe emva komdlalo noxa ebekhwiniswa kukungena kwamagowuli amathathu kwiqela lakhe. Noxa iTS Galaxy ingakwazanga ukuya phambili kwiNedbank Cup – kodwa abadlali bayo badlale kakuhle kakhulu. Akothusi kekambe ukubethwa kwayo ngoba isenkathazweni yokubinamali yokubhatala abadlali.