IStormers igqejwe olungophiyo yiHighlanders

Siyamthanda Kolisi of the Stormers makes a break the Super Rugby match between the Highlanders and the Stormers, held at Forsyth Barr Stadium, Dunedin, New Zealand, on 28th April 2017. Credit: Joe Allison / www.photosport.nz

Abaqumbanga basisifu abalandeli beStormers emva kokubethwa kakubi kweqela labo. IStormers sikhe phantsi isitya sigcwele izolo kwakhona ngethuba sibethelwa oogqirha nezicaka yiHighlanders ngo’57-14 kumdlalo weSuper Rugby ngentseni yayizolo eDunedini. Ukubethwa kweli qela loMzantsi Afrika seyithanda ukuba yintlal’ isenzeka emva kokubethwa kwalo nakwiveki ephelileyo. Iqela ebelidlalela ekhaya (Highlanders) belizityela itheko, ukulala kwalo izihlandlo ezilithoba emgceni kuyicacisa gca lo nto. Kanti iStormers ilele emgceni kabini qha.

Ezinye zezinto ezithe zabetha iStormers kukungakwazi ukugcina ibhola kuyo kulo mdlalo nokulawula isantya ebuhamba ngaso umdlalo. Kulo mdlalo kuvle uNizaam Carr emva komdlalo omhle oqalwe ngoogxa bakhe emva. Kodwa emva koko udonga lweSormers luye lawa, lo nto iye yavumela iHighlanders ikhwele kuyo ngamandla.

Amanqaku afakiweyo:

Highlanders: Tries: Patrick Osborne (2), Waisake Naholo (2), Liam Squire, Rob Thompson, Dillon Hunt, Greg Pleasants-Tate, Matt Faddes Conversions: Marty Banks (4) Yellow cards: Aki Seiuli

Stormers: Tries: Nizaam Carr, Dewaldt Duvenage Conversions: Robert du Preez