IStormers iqokelele amanqaku apheleleyo

Jean-Luc du Plessis of the Stormers during the 2017 Super Rugby game between the Stormers and Bulls at Newlands Rugby Stadium, Cape Town on 25 February 2017 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Lenze ezibukwayo iqela loMzantsi Afrika, iStormers, ngethuba liphumelela umdlalo walo wesibini kwiSuper Rugby. IStormers ziphumelele ebunzimeni ngethuba zidlula kwiJaguares yase-Argentina ngo’32-25 kumdlalo obuseNewlands Stadium kubusuka bayizolo.

Lo ngumdlalo wesibini ophunyelelwe siStormers kule sizini entsha yeSuper Rugby emva kokubetha iBulls kumdlalo wokuqala kwimpelaveki edlulileyo. Nakanjani, umqeqeshi weStormers, umnumzana uRobbie Fleck, uwamkele amanqaku amane iqela lakhe eliwafumene kulo mdlalo nangona bekukho iimpazamo eziliqela ezenziwe ngabadlali bakhe. Akothusanga kodwa oko ngoba isizini isentsha.

Ukudlala neJaguares akululanga nangona ngoko mgangatho iseliqela elisakhulayo kwibhola yombhoxo. Umdlalo ubuphethwe lilo iqela laseKapa – kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba likuphindaphinde ukusebenza kwalo ukuze lifumane amanqaku okuqala ngepenela efakwe nguNicholas Sanchez.

Ilele emgceni nayo iJaguares – kodwa uCheslin Kolbe ubuyise izitya ngokuthi allele emgceni. IStormers silahlekelwe nguKolbe ngenxa yokwenzakala, endaweni yakhe kungene isikhuthali esikhulu esizibalule kwiBlitzboke, uSeabelo Senatla.

Abafake amanqaku:

Stormers 32 – Tries: EW Viljoen, Jano Vermaak, Penalty Try, SP Marais. Conversions: Jean-Luc du Plessis (2). Penalties: Du Plessis (2).

Jaguares 25 – Tries: Agustin Creevy, Santiago Cordero (2). Conversions: Santiago Iglesias (2). Penalties: Nicolas Sanchez (2).