IStormers iyazibonakalisa kwiSuper Rugby

Le mpelaveki iphelileyo ibiyeyona inika umdla kwiSuper Rugby, ingakumbi kumaqela alapha eMzantsi Afrika. IStormers siqhube kakuhle kakhulu ePerth ngoMgqibelo kwaye impumelelo yaso ithetha ukuthi eli qela laseNtshona Koloni liphumelele inkomfa yokuqala yamaqela ase-Afrika.

Khange uqale kakuhle umdlalo phakathi kweStormers neForce kuba emva kwemizuzu engamashumi amathathu anesixhenxe, la maqela ebebambene ngamanqaku amathathu. Ukungqengqa ekalikeni kabini kwabadlali beStormers kulincede kakhulu eli qela, lahamba phambili ngamanqaku phambi kokuba kuyiwe ekhefini.

Kuye kwanyanzeleka ukuba lisebenze nzima eli qela ukuze lifumane inqaku lebhonasi, sele kushiyeke imizuzu engamashumi amabini anesibini. Imeko yemoyezulu inyanzelise iStormers ukuba sitshintshe indlela yokudlala. Abadlali bangemva uJean-Luc du Plessis noNic Groom benze kakuhle ngamanqina abo.

ILions nesabambe indawo yayo ephezulu kumaqela eSuper Rugby kufuneka iqinisekise ukuba ibuya nayo onke amanqaku kumdlalo wayo olandelayo, nowokugqibela kwiSuper Rugby xa izakube idlala neJaguares kuMgqibelo esiya kuwo.

Kwiveki ephelileyo bekukho amarhe okuba eli qela laseRhawutini lingasebenzisa abadlalali abangomelelanga kakhulu. Ukuthelekiswa namaqela afane neSouthern Kings neJaguares kwimidlalo yokugqibela kube ngamanqaku ebhonasi awodwa kwiiLions.

Into ebalulekileyo ngoku kukuba abadlali ingabangeni entloko into yokuhlala phezulu, kuba umsebenzi awukagqitywa.

Elinye lamaqela azakuma endleleni yeeLions, yiWellington Hurricanes yaseNew Zealand. Izolo eli qela lizibekele indawo kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi yeSuper Rugby.