IStormers izihambele nje kwiKings

Despite the attentions of Masixole Banda of the Southern Kings, Bongi Mbonambi, passes the ball during the 2017 Super Rugby game between the Southern Kings and the Stormers at Nelson Mandela Bay Stadium in Port Elizabeth, South Africa on 11 March 2017 © Deryck Foster/BackpagePix

Iqela lombhoxo yaseNtshona Koloni, iStormers, lenze ezibukwayo emalanga izolo ngethuba libethela oogqirha nezicaka iKings ngo’41-10 kumdlalo obuseNelson Mandela Bay Stadium. Kutshanje iKings zibethe iSunwolves ngo’37-23 – kodwa oko akulincedanga eliqela laseMpuma Koloni.

USiya Kolisi, uKaputeni weStormers, akakwazanga ukudlala kulo mdlalo kuba abaqeqeshi becinge ukuba ukuphunza le ndodana ingalicebo elihle ngenxa yokuxakeka kwayo. Umqeqeshi weKings, uDeon Davids, uxelele amajelo endaba phambi komdlalo wesizini entsha yeSuper Rugby ukuba ufuna iqela lakhe libonakale phakathi kwalawo aqaqambileyo.

Umqweno wakhe awusoze ufezekiseke lula ngenxa yeengxaki zemali nolawulo olugwenxa iKings ezijamelene nazo ukusukela kwisizini edlulileyo. Umdlalo weli qela lizinze eBhayi ubumhle – kodwa alikwazanga ukwenza eyona nto ibalulekileyo – ukufaka amanqaku nangona likwazile ukuzibonakalisa ngethuba uMakazole Mapimpi elala emgceni. IStormers iphumelele – kodwa zininzi iimpazamo ezenzileyo emdlalweni izolo ekucingeleka ukuba bezikhatshwa kukuyidelela iKings. Abadlali abangene emva uJustine Philips no-EW Viljoen ngabo abatshintshe umdlalo.

Abadlali abafake amanqaku:

Stormers (17) – Dyllin Leyds, Bjorn Basson, Rynhardt Elstadt, Robert du Preez, Justin Phillips, EW Viljoen, Du Preez (2), Kurt Coleman (2), Du Preez.

Kings (3) – Makazole Mapampi, Lionel Cronje, Cronje.