IStormers sinethuba lokuhlala phezulu kwiSuper Rugby

IStormers sinoxanduva olukhulu kule mpelaveki. Wonke umntu ulindele ukuba sibethe iiReds kumdlalo weSuper Rugby phakathi kwala maqela mabini eNewlands, ngoMgqibelo.

Kwiveki ephelileyo, iStormers sibethwe ziiLions ngo’29-22, kumdlalo umqeqeshi weli qela laseNtshona Koloni awubone njengobafundise izinto ezininzi. Ngoku iStormers siphumelele imidlalo emihlanu, kule isixhenxe bayidlalileyo kule sizini. Kunyanzelekile ukuba baphumelele abafana bakaFleck ukuba bafuna ukuhlala endaweni entle kwiSuper Rugby.

Omnye umdlalo ekwakufanele ukuba siwuphumelele iStormers ngumdlalo waso neeSharks kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, kodwa zange sikwazi ukuzibonakalisa sidlalela kowaso.

Into yokuba iStormers singazokudlala namaqela aseNewlands kulo nyaka ithetha ukuba banalo ithuba lokuba balwele ukuya kuhlala phezulu. IStormers siza kudlala namaqela amakhulu aseAustralia aquka iBrumbies, iWaratahs kunye neReds. Ukuba aba badlali benze kakuhle kula maqela, bazakuzibekela indawo kwimidlalo ephambi kweyamagqibela kankqoyi, neyamagqibela kankqoyi eNewlands, mhlawumbi nelinye kula maqela aseNew Zealand.

Kunyanzelekile ukuba iStormers singaphulukani nawo nomnye umdlalo eMzantsi Afrika, ukuba sifuna ukudlala umdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi eNewlands. Loo nto izakuqala ngeReds ngomso. IReds ayiqhubi kakuhle kule sizini, ingakumbi emva kokugqothwa komqeqeshi uRichard Graham enemidlalo emibini kuphela.