iSundowns ezilileyo iquthise iChippa United emdlalweni weDStv Premiership

Ivule umsantsa wamanqaku amahlanu onke iMamelodi Sundowns emva kokuzuza impumelelo ebalulekileyo. Amasandawana azilileyo aquthise iChippa United ngo’2-0 emdlalweni weDStv Premiership obunomtsalane emalanga namhlanje, eLoftus Stadium. Amagowuli ephumelele ngawo iSundowns afakwe nguLebo Maboe noGaston Sirino. Nangona abadlali beSundowns besazilele ukubhubha kogxa wabo, uMotjeka Madisha, kodwa indlela abadlale ngayo iyancomeka kakhulu.

Wona umdlalo bekufaneluba uphele iSundowns inesithandathu okanye isixhenxe samagowuli – kodwa ngelishwa, abadlali bayo abakwazanga ukuyisebenzisa intaphane yamathuba avelileyo emdlalweni. Nangona iChippa United iye emdlalweni ukuzithemba kwabadlali kuphezulu emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni emithathu egqithileyo – kodwa khange babonakale kakuhle namhlanje. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iDowns ihamba phambili ngegowuli elifakwe nguMaboe onikelwe ibhola entle nguPeter Shalulile.

Isiqingatha sesibini somdlalo sibe sihle naso – kodwa (naso) silawulwe yiSundowns. Unozinti weChippa United, uAyanda Mtshali, ebengoyena nozinti obexakekile emdlalweni ngoba iDowns ibiquqa ibuyelela emhlabeni wakhe. UThemba Zwane noSirino ngawona madoda abaxakekise kakhulu abadlali beChippa emva. Izinto zibe ngcono kwiChippa emva kokufaka uThabiso Lebitso no-Augustine Kwem.

Emva kwexesha elide, ibhola ecacileyo evinjwe nguDenis Onyango, yebisuka emdlalini wasemva – uAyabulela Konqobe. UMosa Lebusa ufake igowuli lesithathu leSundowns – kodwa usompempe uye akalivuma ngelithi ulifake elalele. Lo nto khange iyityhafise kwaphela iSundowns eyeke amathuba wokuphumelela ngamagowuli amaninzi namhlanje. Emva komdlalo, uDan Malesela uvumile okokuba iChippa United idlale ngendlela engancumisiyo emdlalweni wanamhlanje watsho evuma ukuba iSundowns bekufanele ifake amagowuli amaninzi. Komnye umdlalo, iCape Town City ibambene neBaroka ngo’1-0.

Sundowns: Onyango, Lakay, Lebusa, Nascimento, Jali, Sirino, Mkhulise, Maboe, Zwane, Erasmus, Shalulile.

Amalalela: Goss, Modiba, Motupa, Kapinga, Mkhize, Domingo, Maluleka, Coetzee, Vilakazi.

Chippa: Mtshali, Damons, Hanamub, Nsabiyumva, Konqobe, Nhlapo, Mdlinzo, Cezu, Mbenyane, Mokhele, Maloisane.

Amalalela: Lebitso, Eva Nga, Watenga, Mogakwe, Mthethwa, Laffor, Kwem, Lentjies, Dinge.