iSundowns ifuna shushu umdlali ophambili weCape Town City!

UKhanyisa Mayo ngumdlali weCape Town City. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Njengokuba kusongwa unyaka nesiqingatha sokuqala sesizini, abaphathi bamaqela ngokwahlukana kwawo baza kuthi sa iinzwane bekhangela abadlali abatsha xa kuqala unyaka omtsha. Phakathi kwamaqela ekuthiwa aza kuchitha imali kukho iMamelodi Sundowns. Amahumhum athe tshitshilili kumajelo eendaba athi iSundowns ifuna ukuthenga uKhanyisa Mayo ongumdlali ophambili kwiCape Town City. Ingxelo ekhutshwe yiPhakaathi ithi iSundowns ilungise imali eqikelelwa kwishumi elinesihlanu lezigidi zerandi (R15-million) eza kufuna ngayo umdlali weCape Town City.

UMayo ngunyana kaPatric Mayo – igqala lebhola ekhatywayo elazibalula kumaqela afana noMthatha Bush Bucks, iSuperSport United, iKaizer Chiefs neqela lesizwe lebhola ekhatywayo. Akothusi konke konke ukufunwa kukaMayo ngoba udlala kakuhle kakhulu futhi ufaka amagowuli ngendlela emangalisayo. Akukho nto egqityiweyo okwangoku – kodwa iSundowns ingamfumana kwiCape Town City ngoba omabini la maqela akhe athengiselana abadlali ngaphandle kwengxaki. Usihlalo weCity, uJohn Comitis, uyaziwa kwicala lokuthengisa abadlali xa imali athengwa ngayo umdlali intle.

Iingxelo zithi iqela likaRulani Mokwena lifuna uMayo ukuze angene endaweni kaPeter Shalulile ekuvakala into ethi ukuzimisele ukulishiya iqela laseChloorkop ekuqaleni konyaka ozayo. Phambi kokumiswa kwemidlalo yeDStv Premiership ngenxa yeFifa World Cup eqhubekayo eQatar, uShalulile ebenethuba engasadlali. Kwakuthiwe wonzakele – kodwa ikhona nento ethi ufuna ukuhamba kwiSundowns. Kwelinye icala, iCape Town City ibhengeze uLorenzo Gordinho njengomdlali wayo omtsha. Ingxelo ithi uza kuhlala kwiCity emva kokutyikitya isivumelwano seminyaka emithathu. UGordinho ebekhe wadlala phesheya emva kokudlalela amaqela afana neKaizer Chiefs awakhulela kuyo neBidvest Wits eyabhangayo.