ISundowns ihleli phezulu kwiPSL emva kokubetha iCape Town City

Graig Martin of Cape Town City challenged by Themba Zwane of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership 2018/19 match between Mamelodi Sundowns and Cape Town City at the Loftus Versveld Stadium, Pretoria on the 27 February 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

IMamelodi Sundowns
ihleli phezulu kwi-Absa Premier Soccer League okokuqala kule sizini emva
kokubetha iCape Town City ngamagowuli amathathu kwamabini (3-2) emdlalweni
obumhle kakhulu eLoftus Versfeld Stadium ebusuku namhlanje. Abalandeli bebhola
bagoduke bencumile emva kokunikwa umdlalo osenqanabeni eliphezulu namagowuli
amaninzi emdlalweni wanamhlanje. Kuthe qabu kwiSundowns enyukele endaweni yokuqala
ebekumele yabakuyo kudala ukuba yayikwazile ukubetha AmaZulu FC, iPolokwane City neBidvest Wits kwimidlalo
egqithileyo. UPitso Mosimane uqale umdlalo ngabadlali abafana no-Andile Jali,
u-Anthony Laffor noTebogo Langerman angabadlalisanga kwimpelaveki edlulileyo. ICape Town
City
liqela eloyikwayo ngenxa
yokudlala umdlalo ovulelekileyo, obalekayo nangokukwazi ukuhlwaya – kodwa namhlanje
abadlali bayo abakwazanga ukuhlangana. Iinguqu ezenziweyo azikwazanga
ukuyinceda emdlalweni omkhulu namhlanje.

Amasandawana
asukule kuqala njengeqela ebelidlalela ebaleni lalo. ULebo Maboe ubhakuzelise
umnatha kuqala emva kokufumana ibhola entle kuLangerman. Umdlalo ubumhle
ubuthande ukukelela kwiSundowns ngoba ibiyiyo ebimxakekisile unozinti weCape
Town City, uPeter Leeuwenburgh, ezipalini. Ebekhona amathuba wokongeza amanye
amagowuli ngoba abadlali beCity bebenqaninanga ngokupheleleyo kwisigaba
sokuqala. UGaston Sirino, uMaboe noThemba Zwane ngabona badlali abebeyinkathazo
kakhulu emdlalweni – kodwa baphoxwe kukungaziboni iipali. ICity ifake igowuli
ngepenela emzuzwini wesithathu kwisiqingatha sesibini. ULaffor ufake igowuli
lesibini elilandelwe lelikaPhakamani Mahlambi onikelwe nguZwane obejongene ngqo
nonozinti. UKermit Eramus, ongene sowuza kuphela umdlalo, ufike wafaka igowuli
elihle kakhulu – kodwa ngelishwa ixesha beselixhatshwe yinja.

Iqela likaBenni
McCarthy elihleli kwindawo yesithathu liza kuzama ukubuyisa isidima salo xa
lidibana neBidvest Wits ehleli kwindawo yesibini emdlalweni ongeCawe emalanga
eBidvest Stadium. Amasandawana aza kuxikixana neBloemfontein Celtic ngempelaveki.

 

Mamelodi Sundowns: Mweene, Ngcongca, Nascimento (Lebusa), Coetzee,
Langerman, Jali, Kekana, Laffor, (Lakay), Zwane, Maboe, Sirino.

Amalalela: Pieterse, Mabunda, Mahlambi, Tade, Madisha, Lakay, Lebusa. 

Cape
Town
City
Leeuwenburgh,
Mkhize, Fielies, Cupido, Edmilson (Seedat), Mokeke, Modise (Kewuti), Martin,
Links, Norodien, Mthembu.

Amalalela: Stephens, Graham, Mngonyama, Kewuti, Seedat, Ralani, Erasmus.