ISundowns intingela eZambia kule veki

IMamelodi Sundowns intingela kwilizwe laseZambia – apho kulindeleke ukuba idlale umdlalo weCaf Champions League neqela eliphambili, iZesco United, kwidolophi yaseNdola ngoMgqibelo.

Eli qela lasePitoli lidlale umdlalo wokuqala wePSL obuphakathi kwalo neMaritzburg United eHarry Gwala izolo ngenxa yokuxakeka kwalo. UPitso Mosimane iyambhokodisa ingxinano yemidlalo yeqela lakhe – kodwa uzinikele ekudlaleni le midlalo kude kube sekugqibeleni.

“Kunzima ukukhusela indebe yePSL siphinde sidlale kwiCaf Champs League nakwiMTN8. Kodwa lo nto isinika ithuba lokubona kakuhle iqela eli lam,” utshilo uMosimane.

UPitso uthe uzakunika abanye abadlali xa iSundowns idlala neZesco.

IiBrazillians ziza kubeka ithemba lazo kubadlali abafana noKhama Billiat noKeagan Dolly.