IMamelodi Sundowns ityikitye umdlali weBlack Leopards odlala ephikweni

ULesedi Kapinga, obekade edlalela iBlack Leopards, uza kudlalela iMamelodi Sundowns kwisizini ezayo. Umfanekiso: Mamelodi Sundowns/Facebook

Kugqityiwe,
umdlali wasephikweni uLesedi Kapinga uza kudlalela iMamelodi Sundowns
ngokusesikweni ngoku. Oku kubhengezwe yiSundowns kumakhasi onxibelelwano izolo.
UKapinga, 25, ngumdlali othe waziqaqambisa kwiBlack Leopards kwisizini
yePremier Soccer League ka-2019/20. Umkhoka abenawo emva kokudlala kakuhle wenze
uKapinga wafunwa ngamaqela amakhulu – kodwa iSundowns iye yatsiba kuqala yakuva
okokuba isivumelwane sakhe sengqesho lifikelele esiphelweni kwiqela ebelidlalela
eLimpopo. “ULesedi Kapinga usenkampini nabanye abadlali eRustenburg emva
kokuhamba kwiBlack Leopards. Siyamamkela umdlali wethu omtsha enkampini
ngendlela ehambelana nesimo esikhoyo sekhorona,” itshilo ingxelo ebhaliweyo ekutshwe
yiMamelodi Sundowns izolo.

Umqeqeshi weSundowns,
uPitso Mosimane, umamkele ngezandla ezifudumeleyo umdlali wakhe ongathengwanga
nangesenti. “ULesedi ngumdlali onekamva eliqaqambileyo kwaye sikhangela abadlali
abaselula abaliqela esinobafumana. Ingena ncamashi kwindlela yethu esenza ngayo
izinto indlela adlala ngayo. Ungumdlali ozithandayo iibhola ezifakwa ezithubeni
ebaleni kwaye uyakwazi ukuqubisana ngqo nabadlali basemva abomeleleyo. Uyakwazi
ukufaka amagowuli kwaye sifunqwenelela okuhle konke,” utshilo uMosimane. Njengokuba
imidlalo ye-Absa Premiership kulindeleke iqale [kwakhona] kwinyanga ezayo,
uLesedi ngeke abhaliswe [yiDowns] kude kube yisizini ezayo. Amaqela onke adlala
kwiPSL aza kungungelana kwiphondo laseGauteng ekugqitywe ngabalawuli beNSL
ukuba mayibe yiyo ekuza kudlalelwa kuyo imidlalo eshiyekileyo.