iSundowns ivuthulule iNouadhibou ngo’3-0 kwiCAF Champions League

UPeter Shalulile weMamelodi Sundowns noDemine Saleck weNouadhibou emdlalweni weCAF Champions League obuseLoftus Stadium, ePitoli. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

IMamelodi Sundowns iphinde yazicacisa ukuba iziinkunzi zebhola yezwekazi le’Afrika namhlanje ngethuba ivuthulula iFC Nouadhibou ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eLoftus Stadium ngenjikalanga.

Ligoduke lingenalo negowuli eli lokubika ekhaya iqela laseMauritania. Akothusanga ke kambe oko ngoba amaqela afana ne’Al Ahly, Petro Luanda neWydad Athletics Club ake afoliswa ngenduku yiSundowns emidlalweni yeAfrican Football League kutshabje.

Amagowuli ephumelele ngawo iDowns afakwe nguLucas Ribeiro, uPeter Shalulile noGaston Sirino. Amasandawana azicacise ngokuhlasela kwangoko emdlalweni ukuba akayifuni into engaphantsi kwempumelelo emdlalweni wanamhlanje.

UNeo Maema ufumene ithuba lokubhalisa ebhodini emizuzwini yokuqala yomdlalo emva kokudlalelwa ibhola entle nguTerrence Mashego – kodwa walile uBabacar Diop ezipalini. Khange kube kudala emva kwakhe, iDowns yalifumana igowuli lokuqala.

URibeiro, okhe wanethuba elide engadlali ngenxa yokonzakala, ufake igowuli lokuqala emdlalweni emva kokudlalela ibhola nguThapelo Morena. Kudlule imizuzu embalwa, uShalulile wenze adumene ngazo ngentloko emva kokufumana ibhole elungisiweyo nguMarcelo Allende.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns iphala phambili ngamagowuli amabini emva kokuba iqela laseMauritania lingakwazanga ukufumana amagowuli. Emizuzwini yokuqala kwisigaba sesibini, uShalulile uphantse wafumana elinye igowuli.

Uphoxwe kukuqabela ngaphezulu kweepali kwebhola abeyinikelwe nguMorena. Unozinti weNouadhibou unikwe ikhadi elibombu waphuma emdlalweni emva kokuba edlale kakubi uGaston Sirino ofake ipenela ngokwake.

Emva kokuphumelela umdlalo ngamagowuli amathathu, iSundowns iza kuya emdlalweni wesibini weChampions League ngomzimba ongenaxhala. Noxa iqela laseMauritania liza kube lidlalela ekhaya emdlalweni wesibini – kodwa alinawo amandla okubetha iSundowns naxa lidlalela phambi kwabalandeli balo.