Ibethelele indawo yayo iMamelodi Sundowns phezulu kwiDStv Premiership emva kokuvuthulula iTS Galaxy ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni wanamhlanje ebusuku. Ngoku iSundowns ishiya iqela elikwindawo yesibini, iRoyal AM, ngeshumi elinesibhozo lonke lamanqaku. UKhuliso Mudau ubhakuzelise umnatha emzuzwini wamashumi amabini kwisigaba sokuqala emva kwempazamo eyenziwe ngumdlali wasesiswini, uEthan Brooks, endaweni embi kakhulu emhlabeni weTS Galaxy.
Izinto ziyinzimele ngakumbi iTS Galaxy ngethuba uLindokuhle Mbatha ekutshwa ngekhadi elibomvu ngenxa yokudlala kakubi uPeter Shalulile. Siphele isigaba sokuqala somdlalo iSundowns inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye. Ngokufanayo nakwisigaba sokuqala, iTS Galaxy isiqalo sayo khange sibe lula konke konke ngenxa yokuba iSundowns ibiyicishilele. Nangona ibhola ibizama ukuyidlala – kodwa ibingakwazi ukuhamba umgama omde ingathathwanga yiSundowns.
Umqeqeshi weGalaxy ufake uAphele Teto ngelizama uzinzo emdlalweni weqela lakhe. Akuncedanga nto kodwa oko ngoba uDomingo noShalulile bafake amagowuli amabini angcwabe iTS Galaxy ebuyele endaweni embi kwiDStv Premiership. Komnye umdlalo, AmaZulu abambene neCape Town City ngamagowuli amabini macala emdlalweni wanamhlanje. Amagowuli weStellies afakwe nguAshley du Preez noJuan Ortiz. Kanti wona AmaZulu ahlangulwe nguMatarr Ceesay noThembela Sikhakhane.
TS Galaxy: Van Der Linde, Sanoka, M. Mahlangu, Msimango, Munyai, Roberts, Aubaas, Brooks, Mongae, Mbatha, Kwem.
Amalalela: Kolak, Lekay, Mere, Hlongwane, Filipetto, S. Mahlangu, Nduli, Mbunjana, Teto.
Mamelodi Sundowns: Mweene, Lakay, B.Onyango, Coetzee, Morena, Kekana, Mudau, Domingo, Kapinga, Mokoena, Shalulile.
Amalalela: Pieterse, Mvala, Lunga, Modiba, Maluleka, Maema, Mkhulise, Erasmus.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!