IMamelodi Sundowns iya- kumdlalo wayo olandelayo weAbsa Premier Soccer League inamandla athe chatha emva kwempumelelo eyifumene phakathi evekini.
Ezi zibavubavu zasePitoli zivuthulule iPolokwane City ngo’3-1 kumdlalo obubanjelwe e-Old Peter Mokaba Stadium. IDowns iphala phambili ngamnqaku amane, emva kwayo yiBidvest Wits ebethe iJomo Cosmos ngo’1-0 e-Olen Park Stadium ngoLwesithathu. IiBrazillians zezona zixakekileyo ngenxa yemidlalo yeCaf neNedbank Cup.
NgoMgqibelo iDowns yamkela iCosmos kumdlalo wePSL ngentsimbi yesithandathu eLucas Moripe Stadium. UPitso Mosimane akafuni kukhalaza. Uthi bakulungele ukuqubisana nayiphi na into kude kuphele isizini. Nangona iphumelele kula mdlalo, kodwa iphantse yafakwa engxakini yiPolokwane ebibonakala inamandla. “Akukho kudinwa, yonke into ilapha engqondweni,” utshilo uPitso. “Ewe, kuyabonaka emzimbeni ukuba kukho ukuxikixeka kodwa ndithe mabadlale.
Ukuba sifuna ukuba ziintshatsheli, kufuneka sidlale, singamameli izinto ezithethwa ngabantu,” utshilo uPitso. UJomo Sono ubetha ngenqindi phantsi, uthi iqela lakhe alizukuthotyiselwa kwiNFD kule sizini.
IZIMVO | Ngumbutho waseKZN iMK Party