IMamelodi Sundowns, ehleli kwindawo yesibini kwi-Absa Premiership kulindeleke ukuba izibonakalise ubukhulu kwakhona xa izakube idlala ne-University of Pretoria, eLucas Moripe, ngomso.
ISundowns, nedlala kakuhle kakhulu kwezi ntsuku, khange ivule kakuhle kule sizini, ngethuba idlale ngokulinganayo neKaizer Chiefs kule veki phelileyo. Umdlalo waphela la maqela mabini ebambene ngeqanda macala. Kodwa, iSundowns izakudlala kakubi njengokuba ezakube engekho ukapteni wabo uRamahlwe Mphahlele.
UMphahlele akozudlala isithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini, ngenxa yokophuka kwakhe emlenzeni wasekhohlo.
IDowns inamanqaku angamashumi amabini anesixhenxe, kwimidlalo elishumi elinesithathu. Kwaye impumelelo kusasa ingababeka endaweni entle kakhulu.
Omnye umdlalo ozakube ujongwe ngamehlo abomvu kwiPSL ngumdlalo ophakathi kweSupersport United kunye nePolokwane City. ISupersport idlale ntanganye neMaritzburg United, kumdlalo wayo wokuvula isizini.
ICity nehleli ezantsi kuluhlu lamaqela e-PSL, ibethiwe kumdlalo wayo wokuvula isizini.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo