ISundowns neCeltic zibambene ngeqanda eLoftus Versfeld Stadium

Anthony Laffor of Mamelodi Sundowns challenged by Tebogo Potsane of Bloemfontein Celtic during the Absa Premiership 2018/19 match between Mamelodi Sundowns and Bloemfontein Celtic at Loftus Versfeld Stadium, Pretoria on 02 March 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ngaphandle kwamathandabuzo,
iBloemfontein Celtic ichulumancile emva kokugoduka nenqaku elinye emva
kokudlala ntanganye ngeqanda (0-0) neMamelodi Sundowns emdlalweni we-Absa
Premier Soccer League odlalwe kwingqatsini yelanga eLoftus Versfeld Stadium
ngenjikalanga yanamhlanje. Okuye kwakubi emdlalweni kukonzakala kukaWandisile
Letlabika entloko emva kokungqubeka epalini phambi kokuphela kwesiqingatha
sokuqala. UPitso Mosimane ukhale ngamathuba angasetyenziswanga kakuhle
ngabadlali bakhe. Umdlalo ububambene kwisigaba sokuqala – kodwa iMamelodi
Sundowns ibinawo amandla futhi ikwazile nokungena kwiindawo eziyingozi zeCeltic
ebonakalise kwasekuqaleni komdlalo okokuba ilwela ukungabethwa emdlalweni emva
kokubethwa yiFree State Stars ngo’3-2 kwidabi lobukhaya kwiveki ephelileyo.

Kuyiwe kwixesha
lokuphumla kungekho qela likwazileyo ukubhalisa ebhodini. Ukungabikho kukaLetlabika
kwenze umahluko omkhulu – kodwa abadlali beCeltic balwe kwade kwasekugqibeleni
benqanda abadlali beDowns abebeyingxaki. UGaston Sirino, uThemba Zwane
no-Anthony Laffor – ngabona badlali abathande ukubagqadazelisa kakbuhlungu
abadlali beSiwelele emva – kodwa okuncomekayo kukuba bakwazile ukulwa. Inqaku elinye
elizuzwe yiSundowns liyigcine kwindawo yokuqala. Ishiya iBidvest Wits
ngamanqaku amabini qha. Ukuba iWits ikwazile ukuyibetha iCape Town City ebusuku namhlanje, iya kufumana
ithuba lokubuyela phezulu kwiPSL kwakhona. Kwaziswe iindaba ezithi umdlali
owonzakeleyo weCeltic, uWandisile Letlabika, ululama kakuhle – kodwa uya
kukhululwa ngomso esibhedlele emva kokuhlolwa ngoogqirha.

 

Maleodi Sundowns: Mweene, Ngcongca,  Lakay, Nascimento, Langerman,
Kekana, Mabunda, Zwane, Laffor, Sirino, Maboe.

Amalalela: Pieterse, Jali, Mahlambi, Tade, Madisha, Lakay, Lebusa.

Bloemfontein Celtic: Tignyemb, Letlabika, Pfumbizai, Rikhotso, Letsoalo,
Kobedi, Mabasa, Mashikinya, Potsane, Tani, Baloyi.

Amalalela: Dambe, Maema, Masuku, Dlamini, Mahashe, Sam,
Shikweni.