Iqela laseFree State, iSuper Eagles, lizibekele indawo kwaNational First Division emva kokuphiwa umdlalo yiBuya Msuthu evuthululwe ngo’3-1 kumdlalo obungena mtsalane eSisa Dukashe Stadium. IBuya Msuthu iphise ngawo umdlalo ngoba indlela ebidlala ngayo ibingabonakalisi ukuba liqela elidlalela ukuphumelela. Kwenzeke into engazange yabakho ebholeni, abadlali benze izitayile emhlabeni wabo kubonakala ukuba akukho kwanto ebhadlileyo ezimisele ukuyenza. Ife namthanyana i-Acornbush ebekucingeleka ukuba yiyo ezakuya kwaNFD.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSuper Eagles inkqenkqeza phambili ngo’2-1. Iqela laseFree State livule ngegowuli elifakwe nguMpapa Mofokeng kumzuzu wesithathu umdlalo uqalile. Emva koko iBuya Msuthu iye yalinyusa izinga lomdlalo wayo. UThapelo Selepe uyibeke endaweni entle iSuper Eagles ngofaka igowuli lesibini. Akukho mandla angako afakwe ngabadlali beBuya Msuthu kulo mdlalo kuba bekungasekho nto izakuyizuza kule tumente.
Isiqingatha sesibini besithande ukushushu. IBuya Msuthu ibiphantsi koxinizelelo obelufakwa yiSuper Eagles ebileqa ukufaka amagowuli ukuze inyukele phezulu. UThabo Setsumi ufake igowuli lesithathu eliqinisekise indawo ye-Eagles kwinqanaba elingasentla. Inyukele kwiNFD, iSuper Eagles, emva kokuphumelela umdlalo wokugqibela. Komnye umdlalo iThe Dolphins neMaccabi zibambene ngo’2-2.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM