ISupersoprt inabadlali nesikipha esitsha

Uphumelele Bhengu, uGrant Kekana, uMichael Boxall kunye noDenmwin Farmer ngabadlali abatsha ababhengezwe yiSupersport United.

ISupersport iye yasele iveza nesikipha sayo esitsha sokudlala imidlalo yangaphandle. ISupersport iziveze ngoLwesithathu ezi nkcukhaca kwikhasi layo lonxibelelwano likaTwitter.

Umqeqeshi uGordon Igesund nofuna ukuzigqatsa kwintshinga ye-Absa Premiership kule sizini izayo uthe: “Sifuna ukuba lelinye lamaqela aza kukhuphisana, kwaye ngaba badlali batsha siqinisekile siza kuyenza lo nto.”