ISuperSport ibambene nePolokwane City

ISuperSport United iphinde yasusa iChippa United kwindawo yesixhenxe kwiPremier Soccer League, emva kokubetha iPolokwane City ngamagowuli amabini kwelinye.

UDove Wome ugqibezele ibhola kaJeremy Brockie wayibeka phambili iSuperSport. Isiqingatha sokuqala khange kubekho qela linonakalisa ulwamvila kakhulu ngaphandle kwamathuba ibimane izenzela wona iSuperSport. Kwisiqingatha sesibini, iPolokwane ibonakalise ukuzimisela kwaye nabadlali bebebonakalisa ukuzithemba xa bephethe ibhola.

Ifolosi yePolokwane * -Essau Kanyenda, ufake igowuli lokulinganisa lePolokwane xa sisandula kuqala isiqingatha sesibini.

Umdlalo ubunikisa umdla nangakumbi ngoku, uDean Furman ukwazile ukufumana igowuli lesibini leSuperSport. Khange uphelele apho umdlalo kuba ibicinga ukuba igqibile iSuperSport, kodwa uTshepo Matsemela ufake igowuli lesibini lePolokwane. Umdlalo uphele ebambene ngamagowuli amabini macala la maqela.

Imidlalo yePSL: Chippa Utd 0-0 Golden Arrows, Orlando Pirates 0-0 Maritzburg Utd, Platinum Stars 1-1 Free State Stars.