ISuperSport iwonga igqala, uMzimasi Mnguni

mzimasi mnguni

Idolophu yaseMonti izakuma ngxi ngenxa yetumente yamanqindi ejongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bamanqindi. Le tumente iququzelelwa yiSuperSport neGolden Gloves izakuqala ngo’12:00 emini-maqanda ngoMgqibelo, eOrient Theatre.

Le yindlela ekubulelwa ngayo igalelo likaMzimasi Mnguni – isicaka samanqindi esawasusa phantsi apha eMpuma Koloni, sawabeka kwinqanaba lehlabathi umdlalo wamanqindi.

Kukhethwe indawo yaseMonti ngoba ibalasele emanqindini kwaye naye (uMnguni) lixhwangusha lale dolophu. Emva kwexesha elide uMnguni ekhathazwa yimpilo engentlanga – iSuperSport neGolden Gloves zibone kufanelekile ukuwongwa kwakhe esaphila.

Liqhwatyelwe izandla eli nyathelo ngabantu abethe bazimasa intlanganiso ekubhengezwe kuyo le tumente, eQuigney, eMonti, kwiveki ephelileyo.

Umlo ophambili uzakube uphakathi kweembethi manqindi eziphambili eMzantsi Afrika: uSimphiwe Konkco, intshatsheli ye-IBO mini-flyweight yaseMthatha, ezakukhusela intshinga kuNkosinathi Joyi waseMdantsane.

Zombini ezi mbethi manqindi zilamkele ithuba lokuwonga umntu omkhulu njengoMnguni. “Ndiyalibulela eli thuba lokuwonga uBra’Mzi. Kudala ndakurhalela ukusebenza naye – kodwa endaweni yoko – ebesiza nabantu afuna balwe nam. Ndiyavuya kuchongwe mna nguRodney Berman,” utshilo uKonkco.

UJoyi uyibeke yacaca into yokuba ubuhlobo bakhe noKonkco buzakuthi gu bucala ngala mhla womlo. “Ndifuna ukubulela kuBra’Mzi noRodney Berman ngokundicinga xa becwangcisa lo mlo. Kudala kusithiwa masilwe noKonkco – kodwa kuthi gqi iingxaki. Asixabenanga mngan wam kodwa ibhanti eli le-IBO kufuneka lishiyeke eOrient Theatre,’’ utshilo uJoyi.

UMnguni yindoda eyazinikela ngokupheleleyo emanqindini kwakwiintsuku zengcinezelo eMzantsi Afrika. Imbali yakhe njengomqeqeshi, umbanguli wetalente nokubumba imbethi manqindi iselula, zizinto aziwa ngazo lihlabathi lonke. Amanqindi ibibubom bakhe ngethuba engekahlaselwa kukugula. Naye ebekhona eGrazia – apho bekuphehlelelwa khona lo msitho wamanqindi.

“Kuluvuyo kum ukubalapha. Ndandingazi ukuba kwakude kubelapha ndisebenzisana noBerman ngoba sadibana ngeentsuku zobunzima. Into eyasidibanisayo kukuba wayefuna iimbethi manqindi ezikumgangatho ophezulu. Ndiyavuya ke ngoba ndayenza lo nto,” utshilo uMnguni.

Le ndedeba inembali etyebileyo iqhayisa ngeembethi manqindi eziqeqeshileyo zaziintshatsheli ezivunywe lihlabathi ezinje ngooVuyani Bungu, Welcome Ncita, Mbulelo Botile, Lindi Memani noZolile Mbityi.

“Sifuna ukwenza isibhadlalala somsitho olifaneleyo eli gqala. Umsebenzi eliwenzileyo emanqindini mkhulu kakhulu futhi awunambaliso,” utshilo uGraham Abrahams weSuperSport.

Kule tumente kulindeleke kubekho imilo eliqela ebandakanya iimbethi manqindi ezisakhulayo eziphuma kulo lonke eli loMzantsi Afrika kwaye lemidlalo yamanqindi izakuboniswa ngqo kuSS7 kwiDstv.