
Kuzawunyanzeleka iSuperSport United inyuse iikawusi kumdlalo olandelayo, kungenjalo, iyakuzibhaqa isengxakini emva kokudlala ntanganye kumdlalo namhlanje. Amatsatsantsa a Pitori akakwazanga ukufumana impumelelo kumdlalo weCAF Confederation Cup ophelele ebambene neZesco United ngo’0-0 eLucas Moripe Stadium ngokushwa nje. Iqela lika-Eric Tinkler lilo eliqale kakuhle emdlalweni – kodwa ibhola efakwe yifolosi, uBradley Grobler, ayivunywanga ngusompempe kumzuzu weshumi elinesine. Yona iZesco United ifumene ithuba – kodwa engakwazanga ukulisebenzi kumzuzu wamashumi amathathu anesithathu angakwazanga ukulisebenzisa uFackson Kampumbu.
Isigaba sokuqala siphele kungekho qela libhalisileyo ebhodini, nakwisigaba sesibini kubenjalo nangona bekubonakala ukuba ayakhanuka ukufaka amagowuli. Ukuphela komdlalo olu hlobo kuthetha ukuthi iSuperSport United kufuneka izimisele ngakumbi kumlenze wesibini futhi ifake amagowuli ukuze iye kumjikelo olandelayo kolu khuphiswano.
SuperSport United: Williams, Kekana, Daniels, Gould, Modiba, Letsholonyane, Furman, Phala, Mnyamane, Grobler, Brockie.
Zesco United: Banda, Silwimba, Owino, Musekwa, Kapumbu, Chaila, Mtonga, Daka, Ching’andu, Kalengo, Were.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike