ISuperSport United iqhube kakuhle kwiConfed Cup

Amatsatsantsa a Pitori ayibeke endaweni yayo iCF Mounana emva kokuyibetha ngo’5-3 kumdlalo weCaf Confederation Cup, eStade D’Angondje. Eli qela lasePitoli lizothulele umthwalo kumdlalo wokuqala ekuhambeni ngokuphumelela ngokucacileyo. Amakhwenkwe kaKaitano Tembo athezele emnxebeni kwangoko emdlalweni ngethuba uGrant Kekana evalela igowuli lokuqala kumzuzu wesihlanu.

Ligowuli elo elityhile indlela yeSuperSport United neliphinde layinika amandla njengokuba injongo [yayo] ibikukufumana impumelelo kulo mdlalo wokuqala – ngakumbi idlalela kude nekhaya. UReyaad Pieterse uzibonakalisile nakulo umdlalo ukuba uyindoda evuthiweyo ebholeni ngokuthi avale ibhola eqhamke ngethuba abadlali beMounana bezama ukufumana igowuli lokulinganisa.

Kumzuzu wamashumi amabini anesithandathu, iMounana ifuneme igowuli elifakwe ngu-Atchabao obhide uTefu Mashamaite omdlali emva kwiSuperSport United. Kwimizuzu engephi emva koko, uThabo Mnyamane, ufake igowuli lesibini leSuperSport, uphinde elesibini [elakhe futhi] phambi kwexesha lokuphumla. Kuyiwe kwikhefu iSuperSport United ihamba phambili ngo’3-1.

Kwisiqingatha sesibini, umqeqeshi waMatsatsantsa ufake uMorgan Gould ukuze aqinise emva noJeremy Brockie – ifolosi ekwaziyo ukumelana neemeko emidlalweni. Bangene kwiindawo zikaMashamaite noBradley Grobler. IMounana ifumene ipenela emva kokuba uClayton Daniels etyholwe ngokubamba ibhola ngesandla ebhokisini. UFagrie Lakay ufake elesine igowuli leSuperSport. Ifumene ipenela iMounana eye yafumana igowuli ngayo. IMounana iphinde yafuma elinye igowuli – kodwa uBrockie ufake igowuli lesihlanu leSuperSport kwimizuzu yokugqibela emva kokuba uMnyamane ebethe amadoda kufutshane nonozinti.

Komnye umdlalo weCaf Confederation Cup, iPlatinum Stars, ingonjwe yiMbabane Swallows ngo’4-2 kumdlalo obuseNational Stadium, eSwaziland izolo. UWilson Ndzinisa nguye owenzakalise iDikwena kulo mdlalo ngokufaka amagowuli amathathu onke – logama amabini aweqela loMzantsi Afrika efakwe nguBenson Shilongo ngeepenela ezimbini. Amakhwenkwe kaCavin Johnson abuye nelize kwesikaMswati, ayakufumana ithuba kumdlalo wesibini xa iSwallows ityelele eRustenburg.