Isusa imidlungu iChippa United

Iqela ekuphela kwalo eMpuma Koloni, iChippa United, likwinkqubo yokutshintsha zonke izinto ezindala ngakumbi ezibafake engxakini kwisizini edlulileyo.

Lo nkqubo iqale ngokubuyisa uRoger Sikhakhane, indoda eyaziyo iChippa United kwangeminyaka yayo isadlala kwinqanaba elisezantsi. URoger naye waba lixhoba lokugxothwa kodwa ukuhamba kwakhe kuvakala ukuba yayingeyonto eyayiphuma ngqo kuMpengesi , kodwa ke kuba nguye indoda exhuzula imikhala kwanyanzeleka iminwe ikhonjwe kuye nangona bekhona abantu abajongene nokwenziwa komsebenzi wemihla ngemihla. Nanjengoko izolo iphelile inyanga, baninzi abantu abaphelelwe ngumsebenzi kumaqela ohlukeneyo kwiPremier Soccer League. Eziphuma kwiChippa United zithi umqeqeshi owanqunyanyiswa kwisigaba sesibini sesizini ephelileyo, * -Enrst Middendorp, uyindoda ekhululekileyo emva kokugxothwa leli qela kwiveki ephelileyo. Ulandelwe nguMich D’Avray, ongene endaweni kaMiddendorp emva kokunqunyanyiswa. Naye uD’Avray izinto khange zimhambele kakuhle phantse kuyo yonke imidlalo edlalwe yiChippa United phantsi kwegama lakhe.

Omnye umntu ongazukubuyela kwiChippa United kwisizini ezakuvulwa kwinyanga ezayo nguPeter Koutroulis. Isivumelwano sakhe sifikelele esiphelweni kwaye kuvakala ukuba asizukuhlaziywa kuba besithi abasemfuthweni wolwazi ngoyena mntu obesenza isiphithi-phithi kwiChippa, kangangokuba nguyena mntu ebephazamisana nokusebenza kwabaqeqeshi beli qela ngokukhululekileyo.

IiChilli-Boys ziphethe isizini edlulileyo zikwindawo yeshumi elinesine, kwaye zizakuvula imidlalo ye-Absa Premier League ngeKaizer Chiefs abavale ngayo isizini ka-2014/15.

Izolo usekela mqeqeshi, uFadlu Davids, ulahlile naye kweli qela lizinze eBhayi. UDavids weza kwiChippa United elandela * -Enrst Middendorp kunyaka ophelileyo.