ISwallows ayikwazanga ukuvumelana nePSL

IMoroka Swallows kude kwacaca ukuba izakubhabhela kwi-ABC Motsepe League kwisizini ezayo. Ingxelo ekhutshwe yiFree State Stars ikungqinile ukuba inzame zokuyithenga, ukuze kubuyele iSwallows kwiPSL, ziphanzile.

Oku kulandela emva kokuba igqiza ebelizama ukubuyiselwa kweSwallows kwiPSL, lingakwazanga ukuhlangabezana nemiqathango ethile kwiimfuno zeNational Soccer League. Le miqathango imalunga nemali yokuthengiswa kweqela.

IStars ngoku ibuyele enkomeni, kwaye sele iqhuba namalungiselelo esizini ezayo yePSL. Ingxelo ekhutshwe ngusihlalo weStars uMike Mokoena ithe: “IFree State Stars ibikrwecwe nguPanyaza Lesufi ozigqatsileyo ukuba ufuna uthenga iqela lethu, emele igqiza loosomashishini. Besele sityikitye nesivumelwano esiqinisekisa oku kuthengisa, ebesinama solotya athile nangakhange akwazi ukuhlangabezana nawo uLesufi negqiza lakhe.”

Usihlalo ubulele abadlali kunye nabaxhasi beqela ngendlela abasebenzisene ngayo neqela ngelixesha lobunzima.

chris.gilili@inl.co.za