ISwallows iyamdakumbisa uGxowa

Ngethuba localucalulo abantu abamnyama babengenazinto zibhetele, kodwa inye into abangazange baphulukana nayo, ibhola ekhatywayo.

Xa kuthethwa ngembali yebhola yaseMzantsi Afrika abantu babala iKaizer Chiefs, i-Orlando Pirates, iMamelodi Sundowns, kodwa akukwazeki ukushiya iMoroka Swallows, ngenxa yembali etyebileyo negalelo layo kuphuhliso lwebhola ngokubanzi.

Kukho inkxalabo kwabasondeleyo kwiMoroka Swallows ngokungathi iyaphela.

Omnye wabo nguGodfrey Gxowa, umlawuli oyintloko kwiZinyoni. Eli gqala lithi, ukuba uLeon Prince, [ingqonyela] akalahli, iSwallows iya kwi-ABC Motsepe. IMoroka Swallows eyasekwa ngo’1947, ineengcambu ezinde ebholeni kwaye ithathwa njengelinye lamaqela oqobo aseSoweto.

Ngenxa yokuswela inkxaso mali, iSwallows iye yaphathwa ngabantu abaninzi, kodwa ngathuba lithile iye yafikelela ezandleni zikaLeon Prince, olawula egameni lendoda yaphesheya eyathenga iSwallows kwiminyaka emininzi eyadlulayo. Kuthe ngenxa yolawulo oluhexayo iSwayi-Swayi yazibhaqa isiya kwaNational First Division emva kokudlala kakubi kwisizini ka’2014/15.

Ibingaswelanga mali yokuthenga abadlali bokuyifunqula, zange bathengwe nangona iinkampani ezinkulu zayigalela imali.

Yonke iminwe ikhomba kuPrince ngoba nguye othatha izigqibo. Eyona nto imbi kakhulu ngoku exhalabisa, uGxowa, kukuba iSwallows iyabethwa kwaNFD.

Akothusi oku ngoba bathengiswa abadlali kwaye ngoku bachanwa ngumthetho enyanzelisa ukuba kudlale abadlali abaneminyaka ethile.

Kule minyaka ilishumi elinesihlanu idlulileyo, uGxowa nabanye abanezabelo kweli qela, balwe noPrince bancama. Ikwazile iSwallows ukuphumelela indebe yeNedbank neMTN 8.

“Siqhwayela emva okwenkukhu kule minyaka idlulileyo, kwakungcono ngoku kwakukho uGordon Igesund,” utsho uGxowa. Imeko ekuyo ngoku iSwallows kwaNFD iya- xhalabisa

“Ukuba izinto azitshintshi, iSwallows iya kwi-ABC Motsepe. Mayiyekelwe kuthi siyihlangule,” utshilo uGxowa. ISwallows ibethwe ngo’5-0 yiMilano United AFC ngempela veki, ngoku isemsileni kwiNFD.