ISwallows neProgress zilwela iR60 000 kwiSuper 14

Umkhusane uyasongwa kwi-Eastern Cape Super 14 ngomdlalo omkhulu.

Amaqela amabini athe azibonakalisa embhoxweni aza kudiba emdlalweni ekulindeleke kutshe ibhayi kuwo ngoLwesihlanu.

ISwallows, engakhange ibethwe nakanye kule sizini, iza kuswantsulisana neProgress emdlalweni weSuper 14 ngo-15:30 eBuffalo City Stadium ngoMgqibelo.

Njengawo nawuphi na umdlalo, abalandeli bombhoxo sele besenza amaqashiso ngelona qela eliza kugoduka nendebe nesityhwentywe esami esiyiR60 000.

Izazi zombhoxo zibona iSwallows njengelona qela elinethuba lokuphumelela, hayi kuba idlalela ekhaya – kodwa ngenxa yendlela edlala ngayo.

Iyakube kukuzintwanisa okwahluleyo ukuba abadlali beSwallows bangaya emdlalweni becinga okokuba baza kuhamba lula ngoba iProgress ithi iza kufela ebaleni.

Kwiveki ephelileyo, iSwallows ibethe iNcerha Leopards ngo’30-20, yona iProgress ibethe iAfrican Bombers ngo’23-22.

Bobabini amaqeqeshi bathi bafuna impumelelo emdlalweni. Umqeqeshi weSwallows, uNtando Kebe, uthe uza kufika umdlalo bewulungele abadlali bakhe.

“Sivuya kakhulu ngoba isizini ibingamahlandenyuka. Sidlale imidlalo enzima equka nalo weveki ephelileyo – kodwa ziyazingca ngomsebenzi esiwenzileyo. Kwiveki ephelileyo sidlale kakuhle ngoba sifumene iibhola kwindawo ezibalulekileyo. Kodwa eyona nto esincede kakhulu yindlela abadlali basemva abadlale ngayo. Sinalo iqhinga esiza kulisebenzisa ngoba siza kube sidlala nabantu abaza kufuna ukubaleka nebhola imini yonke. Ndoyika onke amaqela – kodwa ndiwathembile amakhwenkwe wam futhi ngeke sibaphoxe abalandeli bethu,” utshilo uKebe.

Kwelinye icala, uEric Toring, uthe akukho ndlela eyahlukileyo iqela lakhe eliza kudlala ngayo.

“Akukho nto ikhethekileyo esiza kuyilungiselela iSwallows. Umthetho wethu sijongana nomdlalo ubemnye ngexesha. Kuza kubanzima ukudlala neSwallows kowayo – kodwa sizimisele ukulwa. Xa ufuna ukuba yintshatsheli, kufuneka ulungele ukudlala nokuba kuphi,” utshilo uToring.