Italente ifele kwiilali zaseDutywa

Itumente yebhola ekhatywayo yokuqla yephephandaba, I'solezwe lesiXhosa, yaphunyelelwa yiChizele FC ngomhla wesibhozo kule nyanga yeDwarha. Umfanekiso: Siyanda Zakhe

Nangona uphuhliso lwebhola ekhatywayo ise yinto echasele okwelanga kubantu basezilalini zaseMbhashe – kodwa kukho izinto ezimbini eziqaphelekayo kubo: yitalente nothando lwabo lokudlala ibhola ekhatywayo. Ukunqaba kophuhliso akulutyhafisi konke konke ulutsha lweelali zaseChizele, eDutywa. Endaweni yoko, bathatha imidlalo njengesona sixhobo sokubagcina bebumbene. Oku kubonakele ngethuba I’solezwe lesiXhosa (libambisene noVodacom) lisingathe itumente yebhola ekhatywayo ngelizama ukunika ithemba nokubethelela ukubaluleka kwemidlalo kulutsha lwasezilalini.

Lishumi elinesithandathu lonke lamaqela ebhola ekhatywayo namathathu ebhola yomnyazi (Netball) athe athath’ inxaxheba kwitumente yokuqala yeli phephandaba eDutywa ngeCawe yeveki ephelileyo. Le tumente ibixhaswe yinkampani yeziselo ezibandayo, uTwizza – oqinisekise ukuba bonke abantu bagoduka bethobe unxano. Njengokuba kusondela ixesha leziyunguma, kwilali yaseChizele kuye kubekho itumente enkulu ngeKrismesi. Imidlalo yempelaveki egqithileyo isetyenziswe njengethuba lokulungiselela loo midlalo ngamaqela amaninzi – kodwa kwelinye icala kuvuselelwe ubutshaba phakathi kwamaqela ngamaqela athile ebholeni asoloko ezama ukugqugqisa kwibhola ekhatywayo eDutywa.

Lo nto yenze kwabakho ukhuphiswano olumandla phakathi kwamaqela adlale ibhola ekwizinga eliphezulu kule tumente. Kwisigaba sokuqala setumente, imidlalo emine iphele amaqela ebambene, kuye kwanyanzeleka ukuba ohlulwe kumapenela. Lo nto iqhubekile nakwisigaba sesibini ukuya kweso kugqibela – kodwa ke ekugqibeleni, yiChizele FC ephumelele itumente ibetha i-One Nation ngo’1-0 kumdlalo wokugqibela obunzima ngendlela emangalisayo. Emva komdlalo, abadlali beChizele FC babulele uThixo ngokubanika amandla okuphumelela, batsho besithi ikiti abayifumene kwiSolezwe baza kuyiqhala kwitumente enkulu ezakube ingeKrismesi kulo nyaka.