Ithe chu ngcembe iBucks

Iphulo leqela leMpuma Koloni elidlala kwiFirst National Division, uMthatha Bucks, lokusuka phakathi kwamaqela ekunokwenzeka abe lilifa lezembe ekupheleni kwesizini liyakhula.

Amathol’amnyama enze umntsi ngempela veki ephelileyo emva kokuba ebethe iMilano United ngo’3-0 othuleyo kumdlalo obubanjelwe eMthatha Stadium emalanga ngoMgqibelo. la manqaku amathathu ziiwafumene iiBucks njexesha elinzima ngoba onke amaqela asezantsi kwiFNB alwela ukusuka kula ndawo.

Amagowuli kula mdlalo ubudlalelwa kulo ngqatsini yelanga laseMthatha afakwe nguMokoena, uNjokweni noRantabane.

Izinto khange zilihambele kakuhle eli qela ekuqaleni kwale sizini lide lagxotha abaqeqeshi ababini phambi kukaVelile Dyaloyi okhoyo ngoku.

Kwiiveki ezimbalwa uDyaloyi uthe, abantu mabathobe amaxhala ngoba into ayizamayo iza kakuhle, ebesitsho ngethuba bekusanqongophele iziphumo ezifana nezi zale mpelaveki. Ekuqaleni kwesizini iiBucks zachanwa kakhulu ngabadlali ekwanyanzeleka babahambise ngenxa yemithetho elawula iNFD.

UMthatha Bucks kufana nokuba wathenga iqela elitsha ngenxa yezo nguqu, babethwa nalixesha lokulungiselela emva kokuba benyuselwe kunyaka ophelileyo.

pedro.mapelo@inl.co.za