Ithe gabhu kwiingxaki zemali iBulldogs!

Kwiiveki ezimbini phambi kokuqala kweSupersport Challenge, abadlali beBorder Bulldogs bagqibe kwelokuba bathi nqumama nokuzilolonga emva kokungabhatalwa yonke imivuzo yabo.

Kodwa emva kokuhlala phantsi nomongameli weqela, uMnu. Mkolo, baphinde babuyela ebaleni abadlali.

UMkolo wathembisa ngokuyilungisa imicimbi yezezimali kwiBorder.

Kwiveki ephelileyo, umbutho olawula umbhoxo eMzantsi Afrika, iSaru, ikhuphe isibhengezo esithi uza kulithathela kulo ulawulo lwezezimali zeBulldogs.

Eso sigqibo sithathwe ngenxa yokushokoxeka kwemali; nto leyo iSaru ethi izalwe kukungaphatheki kakuhle kwezimali ngabaphathi beqela.

Ngoku kuza kubakho umntu oqeshwe yiSaru oza kubayintloko yolawulo lwezezimali zeqela kungentsuku zatywala.

Umongameli weSaru, uMark Alexander, ukholelwa kwelokuba ungenelelo luza kuyinceda kakhulu iBulldogs.

“Injongo yethu kukunceda iBulldogs. Olu ngenelelo lunceda bona; ngabo abaza kuxhamla kwiziphumo zalo,” utshilo uAlexander.

OkaAlexander uthe bazamile ukufakana imilomo nabaphathi beqela phambi kokuba bathathe esi sigqibo kodwa zonke ezo nzame zawa phantsi.

“Sizamile ukuhlangana nabaphathi beqela ngenjongo yokukhangela isisombululo phambi kokuba konakale ngolu hlobo, kodwa zange baye nakomnye umhlangano esasiwubizile,” utshilo uAlexander.

Umongameli weSaru uthe umlawuli omtsha uza kuhlala ixeshana elincinci.

“Uza kunikwa ixesha elifutshane umlawuli oza kubekwa kweli qela.

Wonyulwe ukuze aqinisekise ukuba uyaqhuba umbhoxo ezikolweni nakumaqela abadlali abangabhatalwayo kwiBorder,” utshilo uAlexander.

UMark ulebele ngelithi ithe gabhu ezingxakini iBulldogs ngoba inegalelo elihle ekuveliseni abadlali bebala.