Ithe ngcu kwindawo yeshumi iChippa United emva kokubetha iCape Town City

Chippa United players celebrate after the final whistle after the Absa Premiership 2019/20 game between Cape Town City and Chippa United at Athlone Stadium in Cape Town on 7 December 2019 Ryan Wilkisky/BackpagePix

Kuthe
xibilili izibili kuNorman Mapeza emva kokuba iqela lakhe liphumelele umdlalo
wanamhlanje. IChippa United ibethe iCape
Town City

etsala nzima kakhulu kule isizini ngegowuli elinye eqandeni (1-0). Igowuli
leChippa United lifakwe yifolosi eze kakubi kule sizini, u-Augustine Kwem, emzuzwini
wamashumi amabini anesibini kwisigaba sokuqala. Ukuphumelela kweChippa United emdlalweni
wanamhlanje kuthetha ukuthi isukile ekugqibeleni, ngoku ithe ngcu kwindawo
yeshumi kwiPSL. Nangona iqela laseMpuma Koloni linethuba elide lihleli
etshobeni lePSL – kodwa ukungabethwa kwalo emidlalweni emine egqithileyo kwenze
umahluko omkhulu kakhulu. Izinto zajika emdlalweni iChippa eyyabetha kuwo
AmaZulu ngamagowuli amabini eqandeni. Emva koko ibethe iBlack Leopards
ngamagowuli amathathu eqandeni eBhayi phambi kokubambana ngeqanda neBaroka FC
kwiveki ephelileyo.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla iChippa United ihamba phambili ngegowuli elinye. Kude
kwaphela nesesibini isiqingatha somdlalo iCape Town City ingakwazanga ukufumana igowuli
lokulinganisa. Lo nto iyibeke engxakini enkuli ngoba yehle yayokutsho
ekugqibeleni ngoku kwiPSL. Ukusukela oko efikile umqeqeshi wayo omtsha, uJan
Olde Riekerink, uphumelele umdlalo omnye jwi. Phantsi kwakhe, iCape Town City iphulukene namanqaku aliqela emidlalweni
edlale ntanganye kuyo. Abadlali bayo abafana noThabo Nodada, uRiyaad Norodien,
uMark Mayambela, iChris David noFagrie Lakya bazame bancama namhlanje. Kweminye
imidlalo, iSuperSport United ibethe iHighlands
Park
ngo’2-0, iBaroka
ibambene ne-Orlando Pirates ngo’2-2, iBlack Leopards ibambene naMaZulu
ngeqanda.


City: Stephens, Mkhize, Fielies, Edmilson, Seedat, Mokeke, 
Nodada, Roberts, Mayambela, Ralani, Norodien.

Amalalela: Anderson, Putsche, Lakay, Martin, Potouridis, David,
Kewuti.

Chippa: Mothwa, Modisane, Damons,  Moyo, Malepe,
Maphangule, Mohola, Rakhale, Maziya, Kwem.

Amalalela: Tignyemb, Maphanga,  Manzini, Maarman,
Thopola, Reid, Komane.