Ithemba leCitizens liphelele emoyeni

ULehlohonolo Majoro weCape Town City

Nangona * -Eric Tinkler neqela lakhe bebenqwenela ukuphakamisa indebe ye-Absa Premiership ekupheleni kwale sizini – kodwa oko kuchasele okwelanga ngoku emva kokungakwazi ukuqokelela amanqaku ngelona xesha libalulekileyo lesizini.

Aphelile amathemba weCitizens emva kokubethwa yiSuperSport United ngo’4-2 eLucas Moripe Stadium kule veki.

ICity ishiywa ngamanqaku aliqela yiBidvest Wits ehleli phezulu kwiPSL. Ukubethwa kwayo iCity kuthetha ukuthi iza kulwela indawo yesithathu ngoku. UTinkler ushiyeke ephoxekile emva kwalo mdlalo futhi ekhalela amathuba alahliweyo ngabadlali bakhe.

“Besidibene neqela elidlala kakuhle. Siwafumene amathuba phaya naphaya – kodwa indlela abafake ngayo amagowuli indishiye ndiphoxekile. Ukungabikho kuka-Aubrey Mngoma kubonakele kulo mdlalo,” utshilo uTinkler.

Kwelinye icala, uStuart Baxter ulincomile iqela lakhe eliphumeleleyo emva kokulandela ngasemva emdlalweni. Ngoku iSuperSport iza kudibana neHoroya AC kumdlalo weCaf Confederation Cup ngempelaveki.