Ithemba loMzantsi libekwe kuMalan

UFaf du Plessis ngukapteni weProteas umfanekiso: Shaun Roy/BackpagePix

Ligaleleke eBhayi ekuqaleni kweveki iqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba elijongene nomsebenzi onzima kakhulu.

UMzantsi Afrika uza kuswantsulisana neNgilane emdlalweni wesithathu wovavanyo obalulekileyo eSt George’s Park kusasa namhlanje.

Ukubethwa yiNgilane emdlalweni wovavanyo wesibini kubeke uxinizelelo emagxeni wabadlali beProteas esazama ukubuyisa isidima emva kokugqwidiza kwitumente yehlabathi nakutyelelo obeluse-India kunyaka ophelileyo.

UFaf du Plessis, ophantsi koxinizelelo ngenxa yendlela engancumisiyo adlala ngayo, unethemba lokuphumelela itosi namhlanje eya kumnika ilungelo lokuqhokra kuqala emdlalweni.

UDu Plessis unethemba lokuba indlela adlala ngayo uPieter Malan iya kuthi ilifunqule iqela lakhe.

Amakhwenkwe kaDu Plessis avuthululwe yiNgilane ngemitsi elikhulu elinamashumi asibhozo nethoba, namhlanje kunyanzelekile ayiphucule indlela adlala ngayo.

Ukuba akubanga njalo, iNgilane iza kugoduka nodumo.

“Ngamanye amaxesha uyakwazi ukuphulukana nemidlalo ube umdlalo weqela uphucuka.

Kwicala lokuqhokra, iqela lethu lingakhuthazeka yindlela abaqhuba ngayo abantu abafana noPieter Malan.

Kubekho iimpawu ezithembisayo kwicala labaqhokri emdlalweni obuseNewslands Stadium,” utshilo uDu Plessis ethetha neentatheli.

AmaNgesi afumene amandla emdlalweni awuphumeleleyo eKapa kwiveki ephelileyo.

Emdlalweni wanamhlanje afuna ukuphumelela kuphela.

Ingenzeka lo nto ngoba athembele ngabadlali abayingozi abaquka uDom Bees noJames Anderson.

Kodwa kuyo yonke into, ibala ekudlalelwa kulo liba nefuthe emdlalweni kakhulu.

UMzantsi Afrika awubanga nayo intlahla emidlalweni oyidlale neNgilane kwibala laseBhayi.

AmaNgesi asabethwe kanye eBhayi emidlalweni yangaphambili elithoba ayidlale noMzantsi Afrika.

“Siza kulihlola ibala ngoba anento yokuguquguquka ngokuhamba kwexesha,” utshilo uPaul Cilingwood olisekela kwiNgilane.