IMoroka Swallows yaziwa njengelinye lamaqela anembali kakhulu kwibhola ekhatywayo kweli loMzantsi Afrika, kodwa ngoku isimo seli qela asisihlanga emva kokuvakala ukuba liyathengiswa.
ISwallows ithotyiselwe kwiNational First Division ngo’2015, ngoku yehlela kwinqanaba lesithathu i-ABC Motsepe League.
Kudlule isizini nje emva kokuba yehliselwe iSwallows neneminyaka engamashumi asixhenxe ikhona, isuke kwiPSL yehlela kwiNFD. Iingxaki ziphinde zongezeka kwiZinyoni kuba ayikwazanga ukulwela ukubuyela kwiPSL.
Ukubethwa kwayo ngegowuli eqandeni yiBlack Leopard ngeCawa kuzise unxunguphalo ngakumbi kubalandeli bayo, ngoku iSwallows izakudlala kwiMotsepe kwisizini ezayo.
Eli qela ngoku liyathengiswa yinkampani iFB Soccer Investment Ltd, inkampani enkulu ibixhasa eli qela uHyundai nayo ingqinile ukuba iyabuphelisa ubudlelwane bayo neSwallows.
Bakhona abantu abasebenza nomnumzana Panyaza Lesufi abazimisele ukuyibuyisa iSwallows ngokuthi bathenge elinye iqela elidlala kwiPSL.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike