Kwiiveki ezizayo, uLwazi Sahula uza kukhokela iqela lakhe lophuhliso ekuthiwa yiKeep Active Sport Development xa lisiya eYurophu kulo nyaka. Abadlali abangamashumi amabini anesithathu beKeep Active Sport baza kufumana ithuba lokuthatha inxaxheba kwitumente ekuthiwa yiDana Tournament ebanjelwa eDenmark rhoqo ngonyaka.
Amaqela anabadlali abangaphantsi kweshumi elinesibhozo eminyaka asuka kwiindawo eza hlukeneyo eYurophu athi akhuphisane kwitumente ezibalule ngokunika abantwana abasakhulayo ebholeni ithuba lokudlala neentanga zabo.
Kuba uSahula wayedlala eDenmark, wazinika uxanduva lokuqokelela abadlali bebhola ekhatywayo abasakhulayo ukuze bafumane ithuba lokuvavanya izakhono zabo kwenye yeetumente ezaziwayo eYurophu. Ngumsebenzi onzima kakhulu lo awenzayo engenayo inkxaso. Amalungiselelo uwaqala ngokwenza iitumente athi achonge kuzo abadlali abanetalente.
Uye abadibanise enkampini ukuze ahambe nabo beliqela elibumbeneyo. Ngoba uqhutywa luthando lophuhliso, uSahula utyhala ngesifuba futhi ucudisa abazali babantwana abahleli bephantsi koxinizelelo ngenxa yokutsala nzima koqoqosho eMzantsi Afrika.
“Kunzima ukuququzelela itumente enjengale siya kuyo. Asinaye unozinti ngoba abanye abadlali abakwazi ukuhamba ngenxa yemali. Kangangokuba ndithetha namadoda endiwaziyo eDenmark ukuze asiboleke oonozinti ababini abanokusincedisa,” utshilo uLwazi ethetha neli phephandaba.
Nangona abanye abadlali bengakwazi ukuya eDenmark ngenxa yeengxaki yezimali – kodwa abadlali beKeep Active Sport baza kuba yinxalenye yeDana tournament ekulindeleke ukuba iqale ngomhla wamashumi amabini anesibini ukuya kowamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga.
Ukungafumani nkxasomali kwenza umsebenzi kaSahula ube nzima kakhulu ngoba ukuhamba nokuhlala kwiindawo eza hlukeneyo kufuna imali. “Injongo yethu kukuvulela abadlali abasakhulayo amathuba okudlala ibhola ekhatywayo. Siya eDenmark sinethemba lokuba kungakho othathwayo azibone edlala eYurophu.
“Ndizama ukuvula amathuba ngoba nam ndalifumana ithuba lokudlala eDenmark. Eyona nto enzima kukuba kufuneka sijikeleze iindawo ezininzi xa sikhangela abadlali. Lo nto yonke ifuna imali,” uvale ngaloo mazwi uSahula.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo