Ithuba leBulls lokubuyisa isidima lifikile

IiBulls zisazikhotha amanxeba emva kokubethwa ziiBrumbies ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, kwaye ziza- kufumana ithuba lokubuyisa isidima ngoMgqibelo xa zijamelana neeWaratahs.

Kwaye iiBulls kufuneka zixolise abalandeli bazo emva kokuphosa ithuba lokuhlala phezulu kumaqela alapha eMzantsi Afrika kwiveki ephelileyo.

Lisekhona ithemba kodwa lokuba eliqela lasePitoli lingakwazi ukuqabela ngentla kweStormers neeLions kwezi veki zizayo.

Kuqala kuzakufuneka iiBulls zibethe iiWaratahs phambi kokuba zibuyele kweli loMzantsi Afrika zizokujamelana namaqela alapha.

Lo mdlalo uphakathi kweeBulls neWaratahs uzakuqukumbela utyelelo lweBulls lase-Australia.

IiBulls bezikhe zajamelana namaxesha anzima kakhulu kwiSuper Rugby kwiiveki ezidlulileyo, ingakumbi emva kokubethwa kumdlalo wokuqala siStormers.

Owona msebenzi unzima izakuba kukubetha amaqela amathathu amakhulu kwezi veki zizayo ukulungiselela ukuya kwinyanga ezayo zime endaweni entle iiBulls.

IStormers kunye neeLions nazo zizakujamelana namaqela amakhulu kakhulu kule mpelaveki, nangona ebekhe aphumelela la maqela omabini kwimpelaveki esisuka kuyo izinto azizokuwahambela lula.

IiBulls kulindeleke ukuba zenze utshintsho xa zisiya eSydney kule mpelaveki, kulindeleke nokuba iiBulls zilungise iimpazamo ezimbalwa ezibangele ukuba libethwe eli qela kwiveki ephelileyo.