IThunderbirds iwumele uMnquma kumdlalo neCity Lads

IThunderbirds Ladies FC yaseMnquma idlale ntanganye ngamagowuli amathathu macala kunye neCity Lads FC yaseBhayi kumdlalo weSasol Coastal Stream League ububanjelwe kwibala leYunivesithi iWalter Sisulu eGcuwa ngoMgqibelo.

Umdlalo wala maqela mabani uqale ngezinga eliphantsi kubonakala ukuba ayafundana, nanjengoko eze kulo mdlalo engekabethwa, emveni kwemidlalo emithathu ayidlalileyo kweli nqanaba, kwaye ngawo aphala phambili kuluhlu lwamaqela eSasol Coastal League okwangoku.

IThundersbirds Ladies izamile ukuhlasela kangoko ibinako kwisiqingatha sokuqala somdlalo, kodwa iLads ibivalile ngasemva, kwaye ihlasela nayo xa ifumana ibhola. Ekuthambekeni kwesiqingatha sokuqala somdlalo, afumene amagowuli la maqela kwahlatywa ikhefu iligowuli elinye macala.

Kwisigaba sesibini iqela laseBhayi lifake igowuli zisuka nje, lo nto yenze ukuba litshintshe izinga lomdlalo, kuba iLadies ehleli kwindawo yokuqala kuluhlu lwamaqela eli nqanaba, ihlasele ngandlela zonke ifuna ufaka igowuli lokulinganisa

Kudlule nje imizuzu elishumi, amantombazana aseMnquma afumana amagowuli amabini akhawuleziyo emva kokuba ebeke uxinizelelo olumadla kulawo aseBhayi.

ILadies FC inkqenkqeze phambili ngamagowuli amathathu kwamabini, kwade kwasala imizuzu emithathu ukuba umdlalo uphele, apho unozinti wayo enze impazamo yokubamba ibhola aphinde ayiphuchule yayigqibezela iLads FC umdlalo uphele zintanganye.

Umqeqeshi weThunderbirds Ladies, UThembalethu Apleni uthi, nakubeni bengawafumenanga onke amanqaku amathathu kodwa badlale kakuhle. Uthi abadlali bakhe bayafunda ngoku khange bafumane thuba lingako lokuziqeqesha, nto leyo acinge ukuba ibenegalelelo kwiziphumo zomdlalo. IThunderbirds Ladies isahleli kwindawo yokuqala kuluhlu lamaqela eli nqanaba ngamanqaku alishumi, ilandelwa yiCity Lads ngamanqaku alinganayo, umahluko ngamagowuli ala maqela.