iTornado nePE Stars zilwa ngendawo yokuqala

ITornado FC iza kujongana nomdlalo onzima kakhulu ngelixa amakhwenkwe kaTshepo Motsoeneng aza kudibana neembila zithutha xa edlala nePE Stars emalanga ngoMgqibelo eNorth End, eMonti.

Eyona nto eza kwenza umdlalo ube nzima kukuba iPE Stars ikhangela amanqaku apheleleyo ukuze ilingane nayo iTornado.

Njengokuba ihleli kwindawo yokuqala iTornado FC, inamanqaku angamashumi amathathu anesibhozo – logama engamashumi amathathu anesihlanu aweqela laseBhayi.

Omabini amaqela aya emdlalweni imisila iphezulu emva kokuba iStars ibethe iThe Guys ngo’3-0, iTornado FC yona izibethele IButterworth FC ngo1-0 eGcuwa kwiveki ephelileyo.

Kona ukubethwa kweTornado FC emdlalweni wangempelaveki kunganika uMthatha Bucks ithuba lokuba unyukele kwindawo yokuqala ngamanqaku angamashumi amane ukuba uyakwazi ukubetha iThe Guys ehleli emsileni kwiMotsepe League.

La maqela mabini kulindeleke ukuba adlale imidlalo yawo yeshumi elinethoba ngoMgqibelo. Imidlalo yeABC Motsepe League: ngoLwesihlanu emveni kwemini; iSUBS idibana neHighbury FC, iFuture Tigers ivan’amandla neYaka United.

NgoMgqibelo: iBush Bucks A FC ibamba Amavarara FC, iPeace Makers iya kwiButterworth FC, iBirmingham City FC yamkela iSibanye FC yona iBizana Pondo Chiefs idlala neMatta Milan.