ITornado noMthatha Bucks zilwela indawo ephezulu kwiMotsepe League

Tornado Team picture during the 2019 Nedbank Cup match between Tornado and Kaizer Chiefs at the Sisa Dukashe Stadium,Mdantsane on the 27 January 2019 ©BackpagePix

UMthatha
Bucks uza khusela indawo yawo yokuqala kwiABC Motsepe League ngempelaveki. Oku
kulandela iziphumo zomdlalo ogqithileyo apho iBucks ibethe iThe Guys ngo’1-0,
eMthatha Stadium. Itsho yafumana ithuba lokunyukela kwindawo yokuqala
ngamanqaku angamashumi amane, isusa iTornado FC ebethwe yiPE Stars ngo’2-1,
eSisa Dukashe Stadium, eMdantsane.

Ezo
ziphumo zenze amakhwenkwe kaTshepo Motsoeneng ahlela kwindawo yesibini kwaye
abambane nePE Stars kunye neSibanye FC ngamanqaku angamashumi amathathu
anesibhozo. Nangona zime olu hlobo izinto kuluhlu lwamaqela eMotsepe League
kodwa zingaphinde zijike ngoMgqibelo. Iqela likaMotsoeneng liza kudlala neBucks
emdlalweni omkhulu oza kubanjelwa eSisa Dukashe emalanga ngoMgqibelo.

Kwaye
impumelelo yalo (Tornado) ingalibuyisela kwindawo yokuqala nangona iBucks iza
kulwela ukukhusela indawo yayo. Mnye umdlalo weABC Motsepe League ngoLwesihlanu
emveni kwemini; iSibanye FC ibamba Amavarara FC. Eya ngoMgqibelo: Highbury FC
neBush Bucks A FC, Mitta Milan idlala neSUBS, Yaka United iqubisana
neBirmingham City FC, Butterworth FC yamkela iBizana Pondo Chiefs, iThe Guys
iza kudlala neFuture Tigers FC, PE Stars inyathelane nePeace Makers.