ITornando neMighty Bucks zabelene ngenqaku elinye

Umdlalwe we-ABC Motsepe obuphakathi kweTornado FC neMighty Bucks uphele ngo'0-0. Umfanekiso: Zenande Maqubela

Abaqeqeshi bamaqela omabini bagoduke bezibuza umbuzo omnye: aphi amagowuli? Umdlalo we-ABC Motsepe League obuphakathi kweMighty Bucks neTornado kwibala iJan Smarts, eMonti, uphele kungekho ephumeleleyo ngenjikalanga yangoMgqibelo. Lo ibingomnye wemidlalo ekwinqanaba eliphezulu edlalwe ngamaqela aseMpuma Koloni – kodwa abantu abazalise ibala ngenjongo zokubona amagowuli, bemnke bengakholelwa. Omabini la maqela ebedlala ngokuzimisela okukhulu futhi kubonakala ukuba afuna ukuphumelela.

Siphele isiqingatha sokuqala engakrokrelani la maqela. Omabini azamile kangangoko anako ukufaka amagowuli – kodwa kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho elifuna ukugoba uphondo. Umdlalo ubusemgangathweni ophezulu. Nangona izinto ziqhele ukuyihambela kakuhle iTornado FC xa idlalela eMonti – kodwa iMighty Bucks iphantse yayonzakalisa. Indlela elidlale ngayo eli qela iphucuke kakhulu. YiMighty Bucks elawule isiqingatha sokuqala. Ukuba unozinti weTornando ebegathanga qwa – ngekufakwe amagowuli noba mabini.

IBucks ayidlalanga umdlalo omhle nje kuphela. Kodwa ibiqinisekisa ukuba iyamkhabela unozinti. Kwelayo icala iTornado ibizama kodwa ifuthanyiselwe yiBucks. Izokuvuka kwimizuzu yokugqibela – apho bekucaca ukuba abadlali beMighty Bucks badiniwe. Amathuba acacileyo ade amathathu adalwe yiTornado – kodwa unozinti weBucks wale kwaphela ukuvula. Kuyiwe kwixesha lokuphula esabembene ngeqanda macala.

Ekubuyeni kwawo kwixesha lokuphumla, yiMighty Bucks ephatse yafaka igowuli kwimizuzu yokuqala – iTornado incedwa ngunozinti wayo odlala kakuhle kakhulu. Ibuye inamandla iTornado FC kwisiqingatha sesibini.
Umzamo omhle owenziwe ngabadlali beTornado wonakele ekugqibeleni emva kokwabelana ngeebhola kakuhle ukusukela emva ukuya phambili. Ngomzuzu weshumi elinesihlanu iMighty Bucks iyeke ithuba, unombolo 10 ukhabe ibhola ehamba phezulu edaweni yokukhangela omnye umdlali onokumncedisa. Ngomzuzu wamashumi amathathu, unozinti weTornado unqade amanzi engena endlini, iMighty Bucks ibibuye ngamandla. Kude kwasekugqibeleni kungekho elivumileyo ukugoba uphondo.