Itoyi-toyi kaCoetzee uyamkhathaza umqeqeshi

Ukungabonakali kukaRivaldo Coetzee kwinkampu ye-Ajax Cape Town akumonwabisanga konke konke umqeqeshi.

UStanley Menzo ukuvakalise ukuphoxeka kwakhe kule veki emva kokungabonakali nangotshengele kukaCoetzee kwinkampu eliziqeqeshela kuyo iqela.

Iingxelo zithi lo mdlali ufuna ukuhamba kwi-Ajax logama yona inganazo iinjongo zokumkhulula.

UCoetzee, 20, ufunwa kakhulu ngamaqela amakhulu aseGauteng afana neMamelodi Sundowns, i-Orlando Pirates neKaizer Chiefs.

UMenzo uxelele iintatheli kutshanje ukuba uphoxekile kwaye isenzo salo mdlali sibonisa ukungabahloniphi abanye abadlali.

“Ukuba kukho ingxaki phakathi komdlali neqela, lo nto ayifanelanga kuchaphazela abadlali. Ebomini senza izigqibo ezingachanekanga ngamanye amaxesha. Sesineveki sizilolonga kwaye sinezigqibo ekufuneka sizenzile. Asikwazi ukulinda iiveki nabadlali abakuvavanyo ngaphandle kokuthatha isigqibo,” utshilo uMenzo.

Kunganzima kakhulu kwi-Ajax ukufumana umdlali onobamba indawo kaCoetzee ngokupheleleyo ngoba abanye abadlali sebezibophelele kwamanye amaqela.

Isenzo sikaCoetzee siyabonisa ukuba ufuna ukuhamba.