Ingene ibaleka iTS Galaxy kwiTop 8 emva kokuba ingcwabe iRichards Bay ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMbombela Stadium kwiphondo laseMpumalanga namhlanje emalanga. Likhuphele umsindo kwiRichards Bay iqela likaTim Sukazi namhlanje emva kokungaphumeleli emidlalweni emibini egqithileyo. Inkqonkqoze kuqala iRichards Bay ezipalini zeTS Galaxy – kodwa ibhola kaSomila Ntsundwana ibethwe ngamanqindi nguVasilije Kolak ayangena. Emzuzwini wamashumi amabini anesine, uSphiwe Mahlangu ufake igowuli lokuqala leTS Galaxy. Kudlule nje imizuzu yamibini, yaphinda yafumana elinye igowuli elifakwe ngu’Orebotse Mongae.
Amagowuli amabini anike abadlali beTS Galaxy amandla okulawula umdlalo – kodwa iindwendwe bezingayekanga ukuzama kwelazo icala. Phambi kokuphela kwesigaba sokuqala, unozinti weRichards Bay, uNeil Boshoff, uvale ibhola kaKamogelo Sebelebele obefuna igowuli lesithathu lomdlalo. Ixesha lokuphumla linike iRichards Bay ithuba lokuphefumla nelokubangula iziphene ezenzeke kwisigaba sokuqala. Umqeqeshi ukhuphe uHarold Majadibodu, wafaka uNdiviwe Mdabuka endaweni yakhe. Ayincedanga nto kodwa lo nto ngoba uDjakaridja Traore ufake elesithathu kwaphela ngayo iRichards Bay ebetheka lula kwezi ntsuku ngokungafaniyo nasekuqaleni kwesizini eqhubekayo.
Elo ibe ligowuli entywiliselwe ngalo iRichards Bay ebingcwaba umdlali wayo kwiveki ephelileyo. Bazamile ukulwa abadlali beqela laKwaZulu-Natal amatyeli aliqela – kodwa iinzame zabo aziphumelelanga kwade kwaphela umdlalo. Uphelile umdlalo ingakwazanga nokufumana igowuli lokubika ekhaya iRichards Bay. Nakubeni kukhe kwakubi nangenxa yokushokoxeka kwezimali – kodwa iTS Galaxy iyalwa futhi izimisele ukuvala isizini ikwindawo ehloniphekileyo. Ngoku ihleli kwindawo yesixhenxe emva kokuqokelela amashumi amathathu amanqaku emidlalweni engamashumi amabini anesithathu. Imidlalo yeDStv Premiership iza kuthi xha okwethutyana ngenxa yemidlalo yamazwe ngamazwe kwimpelaveki ezayo. Amaqela aza kubuyela enkomeni kwiveki yokuqala kwinyanga kaTshazimpuzi.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike